Iivesi zeBhayibhile malunga nobabalo
- Masisondele ke ngoko singenadyudyu apho ahleli khona esihlalweni sokulawula uThixo wethu onenceba; apho sakwenzelwa khona ububele nesisa, sincedakale ngoku kuselithuba.
- Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa uNdikhoyo,
akulondoloze.
Wanga angayindlezane kuwe uNdikhoyo,
usixhamle isisa sakhe.
Wanga angakwazelelela uNdikhoyo,
akwambathise uxolo. - Kodwa ke uThixo onceba inkulu, ngenxa yendlela asithanda ngayo, usidlise ubomi kunye noKrestu, naxa besinjengabafileyo nje ngenxa yezono zethu. Kambe ke nakhululwa ngenxa yesisa sikaThixo.
- Kodwa ke, emva kwezo mbandezelo zomzuzwana, uThixo umthombo wesisa owanibizayo ngokumanywa kwenu noKrestu, khon' ukuze nibe nenxaxheba kubuqaqawuli bakhe obungapheliyo, uya kunihlaziya anomeleze, anixhobise, nime ngxishi.
- UNdikhoyo unenceba nesisa;
uqumba kade, yimvuze-mvuze enobubele. - Kaloku uThixo usibonakalisile isisa sakhe, ukuze asindise lonke uluntu. Ngaso safundiswa ukuzilumla kwizinto ezisahlukanisa noThixo, nakwiminqweno emibi. Sifundiswe nokuhlala singcathu sinyanisekile, nokuhlonela uThixo kobu bomi.
- Nguye owasisindisayo wasibiza ukuba sibe ngabanyuliweyo, kungengamisebenzi yethu, kodwa ngenxa yenjongo nobubele bakhe. Wasenzela obu bubele ngoKrestu Yesu kwantlandlolo.
- Ke kaloku nakhululwa ngesisa sikaThixo ngokholo; anikhululwanga ngemizamo yenu. Ewe, kungenxa yesisa sikaThixo. Ngoko ke akukho nto ubani angaziqhayisa ngayo, kungekho migudu yakhe nje.
- Isono masinganilawuli, kuba anikho phantsi komthetho, niphantsi kobabalo lwesisa sikaThixo.
- Kambe ke uNdikhoyo usanilindele,
usazungula ukunibabala ngesisa.
Kaloku yena nguThixo ongajika-jikiyo;
hayi ithamsanqa labo bakholosa ngaye! - Ubabalo lweNkosi uYesu maluhlale kuni nonke.
- Kaloku bonke bonile; bayalabalaba kubuqaqawuli ababulungiselelwe nguThixo. Kanti ke uThixo uyabababala abantu; ubenzela isisa: nangona bengafanelanga ubagwebela ngaye uYesu Krestu obakhululayo.
- Kodwa yandiphendula yathi: “Ubabalo lwam lukwanele, kuba amandla am acaca xa ubuthathaka.” Ngoko ke ndikhetha ukuqhayisa ngezinto ezibonakalisa ubuthathaka bam, ukuze ndikuve ukongama kwamandla kaKrestu phezu kwam.
- Kaloku xa nibaxolela abantu izigqitho zabo, uYihlo osezulwini wonixolela nani.
- Síthini na ke ngoko? Sóne na, kuba singekho phantsi kwawo umthetho, siphantsi kobabalo? Nakanye!
- Kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unesisa novelwano. Akasayi kunifulathela ukuba nibuyela kuye.
- Nkosi, Thixo, sithamsanqelise!
Siphumelelise kuyo yonke imizamo yethu;
ewe, yiphumelelise yonke imizamo yethu. - Ngoko ke ndiya kulandelwa kokulungileyo nabububele,
umzi wakho ube likhaya lam yonke imihla yobomi bam. - Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu maluhlale nani nonke.
- Ngako ke finyezani umbhinqo, nibaze iingqondo, ningathembi nanye into ngaphandle kwesisa seentsikelelo eziza kuza noYesu ukufika kwakhe.
- Kaloku uThixo ihlabathi ulithande kangangokuba ude wancama uNyana okuphela kwakhe, ukuze wonke umntu ozinikele kuye ngokupheleleyo angatshabalali, koko abe nobona bomi bungenasiphelo.
- Kodwa isono sika-Adam asinakulinganiswa nesisa sikaThixo. Kaloku naxa kwafa abantu abaninzi nje ngenxa yesono salowo mnye unguAdam, lona ubabalo lukaThixo esalufumana ngaloo mntu mnye unguKrestu, lwaphuphumela kubantu abaninzi ngakumbi.
- Ewe, kholosani ngesisa seNkosi, nikhule nakuko ukwazana neNkosi noMsindisi wethu uYesu Krestu. Bobakhe ubungangamsha ngoku nangonaphakade! Amen.
- Njengokuba ke isono salawula ngokufa, ngokunjalo nobabalo lulawula ngokwenziwa kwethu amalungisa nguThixo. Lonu lusikhokelela ebomini obungonaphakade ngenxa kaYesu Krestu iNkosi yethu.
- Kodwa kum ukuphila akubalulekanga ngaphezu kokuba ndilufeze ubizo lwam, ndiwugqibe umsebenzi endawunikwa yiNkosi wokuvakalisa iindaba ezimnandi zesisa sikaThixo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Inceba
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Uxolelo
Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Wena undazisa iindlela zobomi;kaloku ndizala yimincili xa ndiphambi kwakho.
Ngasekunene kwakho yimihlali yodwa kude kube ngunaphakade.