Iivesi zeBhayibhile malunga nenguquko
- Ukuba abantu bam abo babizwa ngegama lam bathe bazithoba bathandaza bendikhunga befuna ubuso bam, bazilahla iindlela zabo ezikhohlakeleyo, ke mna ndiya kubaphulaphula ndibeve ndisezulwini, ndisixolele isono sabo, ndilinyange ilizwe labo.
- Guqukani ke ngoko, nibuyele kuThixo, ukuze zicinywe izono zenu.
- Kodwa ke, ukuba siyazivuma izono zethu, uThixo uthembekile, ulilungisa; wosixolela izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.
- Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo;
kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba. - Kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unesisa novelwano. Akasayi kunifulathela ukuba nibuyela kuye.
- Ke ngoko velisani iziqhamo ezifanele inguquko.
- Ke iNkosi ayikubambezeli ukuzalisekiswa kwesithembiso esenzileyo, njengoko abanye baba kunjalo. Nto nje ininyamezele kuba ingafuni kutshabalale mntu. Koko ifuna wonke ubani afumane ithuba lokuguquka.
- Ukususela ngoko uYesu washumayela esithi: “Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.”
- Khaniye kufunisisa okokuba ithetha ukuthini na le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo.’ Ke mna andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni.
- Sondelani kuThixo naye azokusondela kuni. Hlambani izandla zenu, nina bonindini! Nizenze nyulu iintliziyo zenu, nina bahanahanisi!
- Abo ndibathandayo ndiyabakhalimela ndibohlwaye. Ngoko ke zimisele, uguquke.
- Andikholiswa kukufa kwakhe nabani na, itsho iNkosi uNdikhoyo. Guqukani, nidle ubomi!
- Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,
koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.
Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;
kaloku yena unesisa kwanemfobe,
uza kade umsindo,
yimvuze-mvuze ngobubele;
ewe, unebuyambo, akananqala. - Ndiyanixelela ukuba ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo ezulwini nangomoni omnye oguqukayo kunamashumi alithoba anethoba lamalungisa angaswelanga nguquko.
- UThixo wayewayeke ngabom loo maxesha apho abantu babengazi. Kungokunje uyalela abantu bonke, ezindaweni zonke, ukuba baguquke ezindleleni zabo ezimbi.
- Lifikile ngoku ixesha. Luthwasile ulawulo lukaThixo. Guqukani, nikholwe kuzo ezi ndaba zimnandi.
- Andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.
- Nakanye! Inene, nani ukuba anithanga niguquke, notshabalala kwangokunjalo nonke.
- ‘Buyelani kum,’ nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamadla onke, ‘nam ke ndobuyela kuni,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.
- Wathi uPetros kubo: “Guqukani ezonweni zenu nonke ngabanye, nibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, ukuze nixolelwe izono zenu, nize namkele isipho soMoya oyiNgcwele.”
- Ngokunjalo ndithi kuni kuya kubakho uvuyo kwizithunywa zikaThixo ngomoni omnye oguqukayo.
- Kambe ke xa beninokukugqala ukukhalima kwam,
bendinganiphokozela umoya wobulumko,
ndabelane nani ngolwazi lwam. - Ukuba uwenu uthe wakona, mkhalimele; ke ukuba uthe wazohlwaya, mxolele. Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi: ‘Ndiv' intw' embi, ndixolele;’ wena uze umxolele.
- Kaloku ithi intlungu yakusetyenziswa nguThixo, izise inguquko esa ekusindisweni; akukho kuzisola ke ngoko. Kodwa intlungu yasehlabathini yona ibanga ukufa.
- Umbingelelo owufunayo, Thixo, yintliziyo ethobekileyo.
Intliziyo ethobekileyo neguqukayo, wena Thixo, akuyideli.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uguqulo
Ukuba abantu bam abo...
Uxolelo
Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ubabalo
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
Inguqu
Ke kaloku thina sonke...
Ukuvuma izono
Ngoko ke zivumeni izono...