Iivesi zeBhayibhile malunga nosizi
- Uyaweva amalungisa akuzibika kuye,
awakhulule kuzo zonke iinzima zawo.
UNdikhoyo ukufuphi nâbo badakumbileyo,
ebaphakamisa abo baphelelwe lithemba. - NguNdikhoyo ngokwakhe oza kunikhokela, ahambe nani. Soze arhoxe, engasoze anilahle; ngoko ke yomelelani ningoyiki.
- Banoyolo abo basezintsizini, kuba baya konwatyiswa nguThixo bona!
- Ziphoseni kuye zonke iingxaki zenu; kaloku nguye onalusayo.
- Kaloku yeyomzuzwana ingqumbo yakhe;
ukanti buhlala buhlel' ububele bakhe.
Ewe, zibakho zon' iinzingo ebusuku,
kodwa kusasa kuba yimincili yodwa. - Ukukhula kobulumko kwandisa ukukhathazeka;
kanti ke nokukhula kolwazi kongeza iinzingo. - Nkosi yam, uyawazi umnqweno wam,
uyaziva zonke iincwina zam. - Nangona sineenzingo, sihlala sichwayitile. Ngathi singamahlwempu, ukanti abaninzi batyeba ngathi; ngathi singabasweleyo, kanti siphuphuma izinto zonke.
- Ndive ilizwi elikhulu, livela ngasesihlalweni sokulawula, lisithi: “Uyasibona esi sixeko? Kulapho uThixo ahlala khona nabantu. Uya kuhlala phakathi kwabo, babe yimilowo yakhe, yena abe nguThixo wabo. UThixo ngenkqu uya kuhlala nabo. Uya kubosula zonke iinyembezi. Akusayi kubuye kubekho kufa, nalusizi, nasikhalo, nazintlungu. Kaloku lidlule ilizwe lokuqala.”
- Ngoko ke ligxothe ixhala entliziyweni yakho,
ukuphephe okunokwenzakalisa umzimba wakho.
Kaloku ubutsha namandla awo ngamampunge. - Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.
- Abayi kulamba, abayi kunxanwa, abayi kugqatswa lilanga, bengayi kuva bushushu. Kaloku iXhwane elimi esazulwini sebhotwe liza kubalúsa, libaqhubele kwimithombo yamanzi aphilisayo. Wobasul' iinyembezi uThixo.
- Ewe kaloku, utsho uNdikhoyo,
yena uthi: “Qalisani kwangoku.
Buyelani kum ngamxhelo mnye
ngokuzila, ngeenyembezi, nangesingqala.” - Ndikhoyo, wubazel' iindlebe umthandazo wam;
ndive, ndakuzibika kuwe.
Ungàthi cwaka xa ndikhala kuwe,
kuba ndiselugcinweni lwakho,
nam ndisisibhadu-bhadu njengookhokho. - Kwesi sithuba ke uYobi waphakama, wakrazula umnweba wakhe, wayigugula intloko yakhe, waza ke wee guqaqa wanqula, wathi:
“Ndazalwa nguma ndizé, ndaye ke ndiya kunduluka ndikwazé.
NguNdikhoyo onikayo, ikwanguye nothathayo.
Malidunyiswe igama likaNdikhoyo!” - UNdikhoyo ngumvuli wamehlo eemfama,
umphakamisi wâbo bawileyo.
UNdikhoyo ngumathand' amalungisa. - Jika uxelele inkokheli yabantu bam uHezekiya, uthi: ‘Nali ilizwi elithethwa nguNdikhoyo uThixo kayihlo uDavide: Ndiwuvile umthandazo wakho, ndazibona neenyembezi zakho. Ndiza kukuphilisa. Ngosuku lwesithathu ukusuka ngoku uya kuya endlwini kaNdikhoyo.’
- Unyana osisilumko ulibhongo likayise,
ke yena osisityhakala ungumva-ndedwa kanina. - Umdiliya usuke woma khwahla;
kanti wona umkhiwane uswamile.
Oomirharnati, isundu, nom-apile,
suka yabharha yonk' imithi.
Nasebantwini imivuyo iphelile. - Musani ukumdakumbisa uMoya oyiNgcwele kaThixo, kuba uniphawulele umhla wokugqibela wenkululeko.
- Kaloku ithi intlungu yakusetyenziswa nguThixo, izise inguquko esa ekusindisweni; akukho kuzisola ke ngoko. Kodwa intlungu yasehlabathini yona ibanga ukufa.
- Iziziba ezinzongo-nzongo ziyamemezana
ngokukrotsha kweengxangxasi zakho.
Amaza eze ngendlu yawo,
ngokunjalo kwaneempuphuma.
Ewe, ziwugubungele umphefumlo wam.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukukhathazeka
Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo...
Uvuyo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Uloyiko
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Ukhuthazo
Ngoko ke, njengoko senenjenjalo...
Umthuthuzeli
Makabongwe uThixo, uyise weNkosi...