DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nokuvuna

  • Ke uThixo obonelela umhlwayeli ngembewu nangesonka, uya kunibonelela nani ngembewu eniyisweleyo, ayikhulise inivelisele isivuno esihle ngokobubele benu.
  • Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo. Kuba xa sizingisa, lode lifike ixesha lokuvuna.
  • Ningazikhohlisi! UThixo akanakwenziwa isidenge ngumntu. Umntu uya kuvuna kanye loo nto ayihlwayeleyo.
  • Nize nikhumbule ukuba ohlwayela kancinane uvuna kancinane, ohlwayela kakhulu avune isivuno esikhulu.
  • Noba ungade ungadubuli umkhiwane,
    umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
    nokuba awungevelisi nto umnquma,
    namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
    zingade zingabikho iigusha esibayeni,
    nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
    ewe, khona kungade kube njalo,
    kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
    ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.
  • Rhuma ngobuncwane bengeniso yakho, uzimase uNdikhoyo;
    ewe, menzele umnikelo ngolibo lwemveliso yakho.
  • Xa nisenza ngokwemimiselo yam, niyithobela imiyalelo yam, ndiya kunipha imvula ngexesha, uze umhlaba wenu uvelise isivuno, nemithi ithwale iziqhamo.
  • Ukuba uhlwayela imbewu yesimo esidala, uya kuvuna ilahleko esa ekufeni; ukuba uhlwayela imbewu yesimo esitsha phantsi koMoya kaThixo, uya kuvuna indyebo esa kobona bomi bungenasiphelo.
  • Khaniqwalasele iintaka. Azihlwayeli, azivuni, azigcini siseleni, kanti uYihlo osezulwini uyazondla. Ke, kungakanani na ukuxabiseka kwenu kunazo!
  • Ke bona abahlwayeli boxolo abaseluxolweni bavuna ubulungisa.
  • Kambe ke, xa sisephantsi kwayo, ingqeqesho ayivakali iluyolo, koko ibuhlungu; kodwa ke abo bayinyamezelayo baba nobomi obusulungekileyo obuyondeleleneyo.
  • “Izishumi ziziseni ziphelele endlwini enguvimba wam ukuze kubekho ukutya endlwini yam. Khanindivavanye kulo mbandela,” utsho uNdikhoyo onamandla onke, “nibone ukuba andiyi kuwavula na amasango ezulu, ndinithululele iintsikelelo, nditsho nangaphezu kokufuna kwenu.”
  • Umdiliya usuke woma khwahla;
    kanti wona umkhiwane uswamile.
    Oomirharnati, isundu, nom-apile,
    suka yabharha yonk' imithi.
    Nasebantwini imivuyo iphelile.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Thandanani ngokwabazalanayo. Shiyiselanani ngokwenzelana imbeko.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Vuyani maxa onke, nithandaze njalo-njalo. Nakuyiphi na imeko bulelani. UThixo uthanda ukuba nenjenjalo njengokuba nimanywe noKrestu Yesu nje.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela