DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga noTata

  • Bufana nomzali kubantwana
    ububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko.
  • Hayi ubukhulu bothando lukaThixo uYise kuthi! Uthando lwakhe lukhulu kangangokuba ude athi uThixo singabantwana bakhe. Kambe ke singabo ngenene. Yiyo loo nto lingasiqondi nje ihlabathi; noThixo kaloku alimazi.
  • Mfo wam, musa ukuyidela ingqeqesho kaNdikhoyo,
    ungasicekisi isiluleko sakhe.
    Kaloku uNdikhoyo uyamluleka umntu amthandayo,
    kwanjengokuba uyise emohlwaya unyana anebhongo ngaye.
  • Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.
  • Khaniqwalasele iintaka. Azihlwayeli, azivuni, azigcini siseleni, kanti uYihlo osezulwini uyazondla. Ke, kungakanani na ukuxabiseka kwenu kunazo!
  • Bawo, njengoko ubanike mna nje, ndithanda ukuba babe lapho ndikhoyo, babubone ubungangamsha ondinike bona, kuba wandithanda lingekadalwa nokudalwa ihlabathi.
  • Makadunyiswe uThixo uBawo wethu ngonaphakade kanaphakade! Amen.
  • Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze zitshabalale, kwaye akukho bani unokuzihlutha kum. Kaloku uBawo ondinike zona unamandla; noko ke akukho bani unokuhlutha nto kuye. Ke mna noBawo sibanye.
  • Umntu ongaqiqiyo akayikhathalele imfundiso kayise;
    kambe ke yena ozamkelayo iziluleko unengqondo.
  • Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto zalo ngokunjalo. Nabani na olithandayo eli hlabathi akazani nothando lukaThixo.
  • Kodwa bonke abâmamkeláyo, bezinikele kuye ngokupheleleyo, wabanika igunya lokuba ngabantwana bakaThixo.
  • Musani ukoyika, mhlambi omncinane, kuba kukholekile kuYihlo ukunamkelela kulawulo lwakhe olutsha.
  • Waphendula uYesu wathi kuye: “Lowo undithandayo uyawagcina amazwi am. Wothi uBawo amthande, size siye kuye, sihlale kunye naye.”
  • Konke ukupha naso sonke isipho esifezekileyo sivela phezulu kuThixo, umdali wezikhanyiso zesibhakabhaka. Yena akaguqu-guquki aphinzi-phinzize.
  • Andithi, iintaka ezincinci zithengiswa ngambini ngesenti? Kanti akukho nanye kuzo iya kuwa emhlabeni engavumanga uYihlo. Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentaka ezininzi nina!
  • Ngaba ùba andinako ukumcela uBawo, aze kwangoku andikhuphele amawaka-waka ezithunywa zezulu eziyimikhosi engaphezu kweshumi elinambini?
  • Waphendula uYesu wathi: “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi. Akukho namnye unokuya kuBawo engayi ngam.”
  • Kuthi mnye uThixo. Yena nguThixo uYise owadala izinto zonke, esikholo yena thina. Inye kuthi neNkosi. Yona nguYesu Krestu, ezabakho ngaye zonke izinto, esikho ngaye nathi.
  • Yena kaloku akambandezanga owakhe uNyana, koko usuke wamnikela ngenxa yethu sonke. Angathini ke ukungasibabali asiphe zonke ezinye izinto?
  • Lowo uyamkelayo imiyalelo yam ayigcine, nguye ondithandayo. Lowo ke undithandayo mna, uya kuthandwa nguBawo. Nam ndiya kumthanda, ndizibonakalise kuye.
  • Kuba indalo iphela ilangazelela ukuba uThixo ade abaveze oonyana bakhe.
  • Ke ngoko nayiphi na into eniyicela kum ndiya kuyenza, ukuze uYise abonakalise amandla akhe ngoNyana.
  • Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana;
    kaloku thina silizwe ngonyana.
    Nguye ke oya kulawula.
    Ke yena wothiywa igama kuthiwe
    nguMcebisi omangalisayo,
    uThixo oligorha,
    uSonini-nanini,
    iTshawe loxolo.
  • Akukho namnye umntu owakha wambona uThixo. Abantu bamazi uThixo ngokumaziswa nguNyana okukuphela kwakhe, yena okwanguThixo, ohlala ehleli esenyongweni kuYise.
  • Ikho indawo kowethu. Ukuba bekungenjalo ngendingàtsho ukuthi ndiya kunilungiselela indawo.

Ke wena, xa uzilayo, uzungayeki ukuthambisa intloko yakho nokuhlamba ubuso bakho. Kothi ke ukuzila kwakho kungabonakali ebantwini, koko kubonakale kuYihlo ongabonwayo, aze yena uYihlo obona okwenzeka emfihlekweni akuvuze.
Funda ngokugqithisileyo...

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Masisondele ke ngoko singenadyudyu apho ahleli khona esihlalweni sokulawula uThixo wethu onenceba; apho sakwenzelwa khona ububele nesisa, sincedakale ngoku kuselithuba.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngamana yanithundeza iNkosi, nimthande uThixo, nibe nenyameko efuze ekaKrestu.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela