Iivesi zeBhayibhile malunga noTata
- Bufana nomzali kubantwana
ububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko. - Hayi ubukhulu bothando lukaThixo uYise kuthi! Uthando lwakhe lukhulu kangangokuba ude athi uThixo singabantwana bakhe. Kambe ke singabo ngenene. Yiyo loo nto lingasiqondi nje ihlabathi; noThixo kaloku alimazi.
- Mfo wam, musa ukuyidela ingqeqesho kaNdikhoyo,
ungasicekisi isiluleko sakhe.
Kaloku uNdikhoyo uyamluleka umntu amthandayo,
kwanjengokuba uyise emohlwaya unyana anebhongo ngaye. - Bawo, njengoko ubanike mna nje, ndithanda ukuba babe lapho ndikhoyo, babubone ubungangamsha ondinike bona, kuba wandithanda lingekadalwa nokudalwa ihlabathi.
- Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.
- Khaniqwalasele iintaka. Azihlwayeli, azivuni, azigcini siseleni, kanti uYihlo osezulwini uyazondla. Ke, kungakanani na ukuxabiseka kwenu kunazo!
- Makadunyiswe uThixo uBawo wethu ngonaphakade kanaphakade! Amen.
- Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze zitshabalale, kwaye akukho bani unokuzihlutha kum. Kaloku uBawo ondinike zona unamandla; noko ke akukho bani unokuhlutha nto kuye. Ke mna noBawo sibanye.
- Kodwa bonke abâmamkeláyo, bezinikele kuye ngokupheleleyo, wabanika igunya lokuba ngabantwana bakaThixo.
- Umntu ongaqiqiyo akayikhathalele imfundiso kayise;
kambe ke yena ozamkelayo iziluleko unengqondo. - Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto zalo ngokunjalo. Nabani na olithandayo eli hlabathi akazani nothando lukaThixo.
- Waphendula uYesu wathi kuye: “Lowo undithandayo uyawagcina amazwi am. Wothi uBawo amthande, size siye kuye, sihlale kunye naye.”
- Musani ukoyika, mhlambi omncinane, kuba kukholekile kuYihlo ukunamkelela kulawulo lwakhe olutsha.
- Kuthi mnye uThixo. Yena nguThixo uYise owadala izinto zonke, esikholo yena thina. Inye kuthi neNkosi. Yona nguYesu Krestu, ezabakho ngaye zonke izinto, esikho ngaye nathi.
- Andithi, iintaka ezincinci zithengiswa ngambini ngesenti? Kanti akukho nanye kuzo iya kuwa emhlabeni engavumanga uYihlo. Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentaka ezininzi nina!
- Konke ukupha naso sonke isipho esifezekileyo sivela phezulu kuThixo, umdali wezikhanyiso zesibhakabhaka. Yena akaguqu-guquki aphinzi-phinzize.
- Ngaba ùba andinako ukumcela uBawo, aze kwangoku andikhuphele amawaka-waka ezithunywa zezulu eziyimikhosi engaphezu kweshumi elinambini?
- Waphendula uYesu wathi: “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi. Akukho namnye unokuya kuBawo engayi ngam.”
- Yena kaloku akambandezanga owakhe uNyana, koko usuke wamnikela ngenxa yethu sonke. Angathini ke ukungasibabali asiphe zonke ezinye izinto?
- Lowo uyamkelayo imiyalelo yam ayigcine, nguye ondithandayo. Lowo ke undithandayo mna, uya kuthandwa nguBawo. Nam ndiya kumthanda, ndizibonakalise kuye.
- Kuba indalo iphela ilangazelela ukuba uThixo ade abaveze oonyana bakhe.
- Ke ngoko nayiphi na into eniyicela kum ndiya kuyenza, ukuze uYise abonakalise amandla akhe ngoNyana.
- Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana;
kaloku thina silizwe ngonyana.
Nguye ke oya kulawula.
Ke yena wothiywa igama kuthiwe
nguMcebisi omangalisayo,
uThixo oligorha,
uSonini-nanini,
iTshawe loxolo. - Akukho namnye umntu owakha wambona uThixo. Abantu bamazi uThixo ngokumaziswa nguNyana okukuphela kwakhe, yena okwanguThixo, ohlala ehleli esenyongweni kuYise.
- UFilipu wabhekisa kuYesu, wathi: “Nkosi, khawusibonise uYihlo; kosanelisa.”
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Izulu
Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa...
Umhlaba
Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ibuyiselo
Nayiphi na into eniyenzayo...
