DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nomlamli

  • Kaloku mnye uThixo, ukwamnye nalowo ungumxolelanisi kaThixo nomntu. NguKrestu Yesu ongumntu ncakasana.
  • Ngoko ke yena uKrestu ungunozakuzaku womnqophiso omtsha, ukuze abantu ababiziweyo nguThixo balizuze ilifa laphakade ababelithenjisiwe. Kaloku ngokufa kwakhe uzicimile izono ababezenzile ngexesha lomnqophiso wokuqala.
  • Kodwa ke unozakuzaku akafuneki nganto xa umntu emnye qha; kambe ke yena uThixo mnye.
  • Waphendula uYesu wathi: “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi. Akukho namnye unokuya kuBawo engayi ngam.”
  • Ke uThixo oziphengululayo iintliziyo uyazazi iingcamango zoMoya, kuba kaloku uMoya uthethelela abantu bakaThixo ngokwentando kaThixo.
  • Kaloku ndiqinisekile kukuba asikuko nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, naziphathamandla, nanto ziphezulu, nanto zingaphantsi, nditsho nasiphi na isidalwa, esiya kuba nako ukusahlula nothando lukaThixo olukuye uKrestu Yesu, iNkosi yethu.
  • Anditsho ukuba ubasuse ehlabathini, koko ndicela ukuba ubakhusele kongendawo.
  • Ke yena uYesu unikwe ububingeleli obuphakamileyo kunobabo. Kanti ke nomnqophiso awuzakuzelayo phakathi koThixo nabantu ukwamkhulu, ngenxa yokubaluleka kwezithembiso osekelwe phezu kwazo.
  • Nangona wayengenasono uKrestu, kodwa ngenxa yethu, uThixo wamenza wanenxaxheba kwisono sethu, ukuze thina sithi ngokumanywa naye sibe nenxaxheba ebulungiseni bukaThixo.
  • Uya kuthi ke akufika ababonise abantu beli hlabathi into esiyiyo isono sabo, into obuyiyo ubulungisa babo, nento okuyiyo ukugwetywa.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Intetho ekrwada mayingaphumi emilonyeni yenu. Ukuthetha kwenu makuthambe, kube kokwakhayo, ukuze kube luncedo nentsikelelo kwabaphulaphuleyo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela