Iivesi zeBhayibhile malunga noMoya oyiNgcwele
- INkosi le ke nguMoya. Apho ke ukhona uMoya weNkosi kubakho inkululeko.
- Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.
- Anazi na ukuba imizimba yenu yindlu kaMoya oyiNgcwele, ahlala kuyo, evela kuThixo? Kaloku aningobenu; ningabakaThixo owanithenga ngexabiso elikhulu. Mdumiseni ke uThixo ngemizimba yenu.
- Wothi ke uBawo, ndakumcela, aninike omnye uMmeli, ukuze ahlale nani ngonaphakade.
- Ke uMmeli uMoya oyiNgcwele, lowo uBawo aya kumthuma egameni lam, uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze ngako konke endithe ndanixelela kona.
- Anazi na ukuba nina niyindlu kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo uhlala ngaphakathi kwenu?
- Kwabonakala amadangatye angathi ziilwimi, laza lalelo idangatye lahlala kumntu ngamnye kubo. Bazaliswa ke bonke nguMoya oyiNgcwele, baza bathetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wabaphayo.
- Ndiya kufaka uMoya wam kuni, nitsho nilulamele imimiselo yam, niyigcine ngononelelo imithetho yam.
- Ithemba ke lona alidanisi, kuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele esamnikwayo.
- Musani ukumdakumbisa uMoya oyiNgcwele kaThixo, kuba uniphawulele umhla wokugqibela wenkululeko.
- Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi yena uYihlo osezulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?
- Bakuba begqibile ukuthandaza, indawo ababehlangene kuyo yazanya-zanyiswa. Bonke bazaliswa nguMoya oyiNgcwele, baza baluthetha udaba lukaThixo benobuganga.
- Nina niya kunikwa amandla, akufika kuni uMoya oyiNgcwele, nindingqinele ebantwini baseJerusalem, nabakulo lonke elakwaJuda, nabaseSamariya, kude kuse naseziphelweni zomhlaba.
- Wena unguThixo wam,
ngoko ke ndifundise ukuthanda kwakho.
UMoya wakho wobubele
makandikhokelele endleleni esisithabazi! - Ngoko ke nina, zihlobo zam, zingisani nizakhe elukholweni lwenu olunyulu. Thandazani niqhutywa nguMoya oyiNgcwele. Uthando lukaThixo maluhlale lunifumbathile ngoku nilinde iNkosi yethu uYesu Krestu. Kaloku yena unenceba, uya kunipha ubomi obungapheliyo.
- Ke ngoko hambani niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptize egameni loYise, neloNyana, neloMoya oyiNgcwele; nibafundisa ukuba bazenze zonke izinto endiniyalele ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.
- Kanene yintoni na emntwini ebaziyo ubume bomntu, ingenguwo umoya womntu ongaphakathi kwakhe? Ngokunjalo nobume bukaThixo akukho namnye ubaziyo, ingenguye uMoya kaThixo.
- Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu, nothando lukaThixo, nobudlelane boMoya oyiNgcwele, maluhlale nani nonke.
- Ndakuba ndifikile kuBawo, ndonithumela uMmeli onguMoya wenyaniso ovela kuBawo. Xa athe wafika yena, wongqina ngam.
- Wathi uPetros kubo: “Guqukani ezonweni zenu nonke ngabanye, nibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, ukuze nixolelwe izono zenu, nize namkele isipho soMoya oyiNgcwele.”
- Thina noMoya oyiNgcwele osisipho sikaThixo kwabo bamthobelayo, singamangqina azo ezi zinto.
- Eli lilizwi likaNdikhoyo kuZerubhabheli: ‘Akungabukroti, kungengawo namandla, kodwa kungoMoya wam kuphela,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.
- Xa banibambayo banise ezinkundleni, musani ukuyixhalela into eniya kuyithetha, kodwa thethani oko nithe nakunikwa ngelo xesha, kuba asinini abathethayo, nguMoya oyiNgcwele.
- Bakuyiva le ntetho, babhaptizwa egameni leNkosi uYesu. UPawulos wababeka izandla, batsho bamamkela uMoya oyiNgcwele, baza bathetha iilwimi, belithetha ilizwi likaThixo.
- Kaloku udaba lukaThixo aluzanga ngokuzithandela komntu, koko abantu baluthetha udaba lukaThixo beqhutywa lifuthe loMoya oyiNgcwele.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
IPentekoste
Ekufikeni komhla wePentekoste babehlangene...
Ubhaptizo
Lukholo ke olunenze nangoonyana...
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Makuqukuqele ukunyaniseka njengomlambo,nobulungisa njengomsinga ongatshiyo.