Iivesi zeBhayibhile malunga nethemba
- “Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso zam ngani zokuba ndininike intlala-kahle ingabi bububi, ndinidalele ikamva nethemba.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
- Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?
Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam. - Kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyo
bosuka bahlaziyeke bomelele.
Bosuka bantinge baxel' ukhozi;
noba sebebaleka, soze badinwe;
ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe. - NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;
ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.
Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,
xa uhambayo naxa ubuyayo,
kuqalela ngoku kude kube nini-nini. - Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.
- Yizani kum, nina nonke nisindwayo, nibulalekayo; ndoniphumza.
- Ngaphezu koko, siqhayisa nangeembandezelo ezi, sisazi nje ukuba iimbandezelo zisiqhelisa ukunyamezela. Ke ukunyamezela kubonisa ukuba sicikidekile. Ukucikideka ke kudala ithemba.
- Ukukholwa ke kukuqiniseka ngezinto esinethemba lazo; kukwakukuqiniseka nangobukho bezinto esingaziboniyo.
- Ngalinye ke, zintathu izinto eziya kuhlala zihleli: lukholo, nethemba, nothando. Engaphezu kwazo zonke ke luthando.
- Wena ulikhaka nekhusi lam;
ndiqamele ngelizwi lakho. - Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo.
- Qinani nibe nesibindi, nonke nina nithembele ngoNdikhoyo.
- Kambe ke mna ndijonge kuNdikhoyo;
ewe, ndikholosa ngoThixo olusindiso lwam.
UThixo wam yena uya kundiva. - Kodwa ke into esingayiboniyo, esithembe ukuyifumana, siyilindela ngomonde.
- Umnqweno ongafezekiyo uyamngcungcuthekisa umntu;
kanti ke wakufezeka umnqweno ufana nomthi onika ubomi. - Umoya wam uthi: “Isabelo sam nguNdikhoyo;
ngako oko ndiya kukholosa ngaye.” - Ndikhokelele enyanisweni yakho, undifundise.
Kaloku nguwe, Thixo, umkhululi wam;
ndihleli ndikulindele imini yonke. - Ithemba ke lona alidanisi, kuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele esamnikwayo.
- Ndikhoyo, senzele ububele nenceba,
njengoko kaloku sithembele kuwe. - Ndithembele ngokupheleleyo kuNdikhoyo;
ewe, ndikholosa ngelizwi lakhe. - Makabongwe uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Krestu, othe ngenceba wasinika ubomi obutsha ngokuvusa uYesu Krestu ekufeni!
- Ke mna ndonganyelwe nguMoya woMhlekazi uNdikhoyo,
kuba kaloku uNdikhoyo undithambisile.
Undithume ukubhengeza iindaba ezimnandi kumahlwempu,
ndibophe abantliziyo zingamahlwili,
ndibhengeze ukukhululeka kwabathinjwa,
ndazise inkululeko kumabanjwa. - Hlonelani iNkosi uKrestu ehleli kuni ngaphakathi, nihlale nilungele ukuphendula nabani na onibuza ngethemba eniqamele ngalo.
- Yinjongo yakhe uThixo ukuyazisa kubantu bakhe le mfihlelo ixabiseke kunene, iqaqambileyo, ayilungiselele uluntu luphela. Yiyo le ke loo mfihlelo: uKrestu ungaphakathi kuni, ulithemba lewonga eniya kulifumana kuThixo.
- Mnye umzimba kaloku, ukwamnye uMoya, kwanjengokuba lilinye nethemba enabizelwa kulo nguThixo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukhuthazo
Kambe ke bona abakholosa...
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
Izithembiso
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Umphefumlo
Niya kuthi ke nakumfuna...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
uMoya oyiNgcwele
INkosi le ke nguMoya...