Iivesi zeBhayibhile malunga nokukhuselwa
- Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana.
- Wena uyinqaba endizifihla kuyo;
uyandikhusela xa ndisebunzimeni.
Undirhangqe ngosindiso lwakho;
ngoko ke ndimemelela ndinemincili. - UThixo ulihlathi nenqaba yethu;
ngexesha leenkathazo uluncedo oluhlala lulungile. - Qinani nikhaliphe, ningaxhali, ningabi nayo nedyudyu. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu ungakuni; soze arhoxe okanye anilahle.
- “Nezo zixhobo zixonxwe ngenxa yakho soze zikutshabalalise,
uya kumphendula nabani na okumangalelayo.
Lilo ke elo ilifa lezicaka zikaNdikhoyo;
ewe, mna ndozithi jize ngoloyiso.”
Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo! - Masitsho singenadyudyu ke sithi:
“YiNkosi umncedi wam, andiyi koyika nto!
Angandenza ntoni umntu?” - Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa,
wandixhasa ngesandla sakho esinamandla;
undibonelele ndatsho ndazimaseka.
Undimise endaweni ephangaleleyo;
azinakutyibilika kuyo iinyawo zam. - Ndikhusele kaloku, Thixo;
ndithembele ngawe. - Zolani nina; uNdikhoyo uza kunilwela!
- Andinadyudyu, kuba uNdikhoyo ungakum;
okokwakhe yena umntu akanakundenza nto konke. - Wena ulikhaka nekhusi lam;
ndiqamele ngelizwi lakho. - Ndinako ukumelana nayo nayiphi na imeko ngenxa yamandla alowo undomelezayo.
- Noda niguge nibe ziingwevu
mna ndisengulowo unixhasayo.
Nenziwa ndim, ngoko ke ndonisingatha;
ewe, ndonigcina ndinihlangule. - Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!
Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!
Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye. - Akwambathise ngamaphiko akhe, akufihle ekhusini lakhe,
kube likhaka nekhuselo lakho ukuthembeka kwakhe. - Kodwa ke mna ndiya kucula ndibonga amandla akho;
ndiya kumemelela kwasekuseni,
kuba uthando lwakho luyamangalisa.
Kaloku wena uyinqaba yam,
ungumqolomba ngomhla wembandezelo. - Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu kwazo zonke ezinye yintliziyo yakho,
kuba yona ingumthombo wobomi. - Masithini na ke ngezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi ngubani onokusichasa?
- Kambe ke, wena Ndikhoyo, ulikhaka lam.
Usisidima sam; undenza ndibe neqhayiya. - Ndihlala ndimbeke phambi kwam uNdikhoyo;
ungasekunene kwam, ngoko ke andiyi kushukunyiswa nto. - Ngaba ùba andinako ukumcela uBawo, aze kwangoku andikhuphele amawaka-waka ezithunywa zezulu eziyimikhosi engaphezu kweshumi elinambini?
- Into ebhetele kukuzimela ngoNdikhoyo,
kunokuba uthembele ngomntu. - Yonke into ayithethayo uThixo ithembekile;
ulikhaka kwabazimela ngaye. - UNdikhoyo ngumqolomba:
bazimela kuye abalungisayo, basinde. - NguNdikhoyo yedwa uThixo;
nguye kuphela osikhuselayo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukhuseleko
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ububi
Musa ukoyiswa bububi; boyise...
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
ILizwi likaThixo
Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Isithunywa ke sathi kubo: “Musani ukoyika; kaloku ndinizisele iindaba ezimnandi zovuyo olukhulu oluya kuba kubo bonke abantu.”Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Umntu ophayo uba nenkqubela;ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.Ivesi elandelayo!