Iivesi zeBhayibhile malunga nemfazwe yokomoya
- Ngoko ke hlalani niqulile. Bhinqani ngenyaniso; ninxibe ubulungisa ukukhusela isifuba. Ezinyaweni nxibani inkuthalo yokuhlala nichophele ukuvakalisa iindaba ezimnandi zoxolo. Ngamaxesha onke ukukholwa makube likhaka lenu; ngokholo noba nako ukuzicima zonke iintolo ezivuthayo zikaSathana.
- Kuba kweli dabi lethu asilwi nabantu, kodwa silwa nemimoya ekhohlakeleyo esesibhakabhakeni, izilawuli, nabasemagunyeni, kunye nemimoya engcolileyo yeli phakade lobumnyama.
- Zolani nina; uNdikhoyo uza kunilwela!
- Ewe, unalo ukholo ngokwaneleyo, ngangokude ukholwe ukuba ukho uThixo, yaye mnye. Uyalungisa kanye ngaloo nto! Kodwa ke neendimoni zinalo ukholo olukwanjalo phofu; lude luzinkwantyise kunjalonje.
- Kuyinene kona ukuba sihleli apha ehlabathini; kodwa ke asilwi ngokwehlabathi.
- Nokuba ndingade ndingqongwe ngumkhosi,
andiyi kuba naluvalo konke.
Nokuba ndirhawulwe yimfazwe,
ndiya kuthembela ngoNdikhoyo. - Ngoko ke zinikeleni ngokupheleleyo kuThixo. Mchaseni uSathana azokunibaleka.
- Baqhayisa ngeenqwelo zokulwa abanye, abanye ngamahashe;
thina siqhayisa ngoNdikhoyo uThixo wethu. - Ndizabalazile elugqatsweni olukhulu; ngoku ndifikile entanjeni; ke lona ukholo ndilugcinile. Ngoku ke sendilindelwe yimbasa, isithsaba esibonakalisa ubulungisa, eya kundithwesa sona ngaloo Mini inkulu iNkosi, uMgwebi ogweba engenaxanasi. Phofu ke asindim ndedwa olindelwe seso sithsaba, koko ngabo bonke abayithandayo iNkosi eza kufika.
- Elokuphetha ndithi njengokuba nimanywe neNkosi nje, yomelelani nincedwa ngamandla ayo.
- Entloko thwalani usindiso. Phathani ilizwi likaThixo libe likrele enilinikwa nguMoya.
- Ithembekile yona kambe iNkosi. Yonikhusela inigcine kuhlaselo lwendoda enobuqhokolo.
- Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana.
- Ngoko ke xhobani ngezikrweqe zikaThixo, ukuze nibe nako ukuxhathisa xa kunyembelekile, nize nifeze konke nimile ngxishi.
- Hlalani nithe qwa, nilumke! Kaloku ummangaleli wenu umtyholi ugquma njengengonyama. Uyajikeleza; uzingela umntu angamqwengayo.
- Kolu gqatso lokholo yenza konke okusemandleni ukuze ubufumane ubomi obungonaphakade. Ewe, kaloku wabizelwa yona le njongo, ngokuya wawusenza isivumo sokholo phambi kwamangqina amaninzi.
- Sanukuvuma nilahlekiswe mntu. Kaloku loo Mini ayinako ukufika lungakhange lubekho uvukelo-mbuso lokugqibela, andule ke ukucaca umchasi-mthetho, umfo okhohlakeleyo ochasana noThixo, omiselwe intshabalalo, avele elubala. Ulolona tshaba kaloku. Yena uya kuziphakamisa achase nantoni na ekuthiwa nguthixo, achase nantoni na enqulwa ngabantu, ade athathe isihlalo endlwini kaThixo, ezigwagwisa ngokuthi unguThixo ngenkqu.
Izihloko ezinxulumeneyo
UMtyholi
Hlalani nithe qwa, nilumke!...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Ububi
Musa ukoyiswa bububi; boyise...
Ukhuseleko
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
Izithixo
Bantwana bam, zilumkeleni izithixo!...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ukuba niyathandana, bonke baya kuqonda okokuba ningabafundi bam.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Yintsikelelo kaNdikhoyo enika umntu ubutyebi;kambe ke yona ayihambi nazintsizi.Ivesi elandelayo!
