Iivesi zeBhayibhile malunga nobubi
- Musa ukoyiswa bububi; boyise ububi ngokulungisa.
- NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;
ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.
Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,
xa uhambayo naxa ubuyayo,
kuqalela ngoku kude kube nini-nini. - Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana.
- Kuba kweli dabi lethu asilwi nabantu, kodwa silwa nemimoya ekhohlakeleyo esesibhakabhakeni, izilawuli, nabasemagunyeni, kunye nemimoya engcolileyo yeli phakade lobumnyama.
- Ke kaloku, mawethu, ndiyaniyala: balumkeleni abaxabanisayo nabakhubekisayo, besenza okuchaseneyo nemfundiso enayifundiswayo nina. Zikhwebuleni kubo.
- Wahambisa wathi: “Zizenzo eziphuma entliziyweni yomntu ezimngcolisayo. Kaloku zivela ngaphakathi entliziyweni yomntu iingcamango ezimbi. Kulapho kuvela khona ubuhenyu, ubusela, ukubulala, ukukrexeza, ukunyoluka, inkohlakalo, inkohliso, ukurheletya, umona, ukunyelisa uThixo, ikratshi, ububhanxa. Zonke ezi zinto zikhohlakeleyo ziphuma entliziyweni yomntu, zize zimngcolise.”
- Ukumthobela uNdikhoyo kukubuthiya ububi.
Yiloo nto ndikuchasileyo ukuzigwagwisa,
ikratshi, ukungabi nasimilo, kunye nentetho egwenxa. - Ewe, nanizimisele ukundenzakalisa, kodwa uThixo yena walijika elo yelenqe labubuhle, khon' ukuze kusinde abantu abaninzi abaphilayo ngoku ngenxa yeso senzo senu.
- Makungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi, kodwa maxa onke zamani kangangoko ninako ukulungiselelana, nibanceda bonke abantu.
- Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli esonweni; futhi malingade litshone ilanga ninomsindo. Umtyholi musani ukumvulela indawo ebomini benu.
- Ziphicotheni zonke izinto, nize ninyamekele leyo ilungileyo. Nayiphi na into embi yityesheleni.
- Musa ukuzibona usisilumko wena ngokwakho;
ndaweni yaloo nto hlala umhlonela uNdikhoyo, ubucezele ububi.
Loo nto iya kuwunika impilo umzimba wakho,
atsho omelezeke amathambo akho. - Uthando malungabi naluhanahaniso. Yithiyeni inkohlakalo; bambelelani kokulungileyo.
- Nina bamthandayo uNdikhoyo, buthiyeni ububi;
kaloku yena uyabagcina abantu bakhe,
abahlangule esandleni sabantw' abakhohlakeleyo. - Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;
makaphuthume uxolo, ahlale kulo. - Anditsho ukuba ubasuse ehlabathini, koko ndicela ukuba ubakhusele kongendawo.
- Intiyo iphembelela ingxabano;
ke lona uthando luyazingcwaba zonke izono. - Yondikhusela iNkosi kulo naliphi na ilinge lokundenzakalisa. Yondikhusela ndide ndifike kulawulo lwayo ezulwini. Huntshu-u-u! Mayibongwe iNkosi ngonaphakade! Amen.
- Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Wisani izigwebo ezinyanisekileyo, nenzelane ububele nenceba omnye nomnye. Musani ukubacinezela abahlolokazi neenkedama, ngokunjalo nabangeneleli kunye namahlwempu, ningayili ububi ezintliziyweni zenu omnye komnye.’
- Khawundisekele ngokwesithembiso sakho,
ungandiyekeli ndonganyelwe bububi. - Khanizicoce nibe nyulu!
Yahlukanani nale mikhwa ingcolileyo;
yekani ukwenza izinto ezinje;
mandingaze ndiphinde ndizibone. - Ungasiyekeli ekulingweni,
koko sihlangule kumtyholi;
kuba ngenene nguwe olawulayo,
namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen. - Olu khanyiso lukhanya ebumnyameni; kwaye ubumnyama abuzange bukoyise ukukhanya kwalo.
- Kodwa ubafulathele abenzi bobubi,
abaphanzise bangabi sakhunjulwa emhlabeni. - Yahlukanani nemikhwa emibi nehambo engcolileyo. Mlulameleni uThixo, namkele ilizwi lakhe alifake kuni ezintliziyweni. Lilo elinamandla okunisindisa.
Izihloko ezinxulumeneyo
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
UMtyholi
Hlalani nithe qwa, nilumke!...
Ukulunga
Ndaweni yaloo nto yenzelanani...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Izithixo
Bantwana bam, zilumkeleni izithixo!...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Wena undazisa iindlela zobomi;kaloku ndizala yimincili xa ndiphambi kwakho.
Ngasekunene kwakho yimihlali yodwa kude kube ngunaphakade.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Kum uxabisekile ke kambe;yeka elo wonga, andikuthandi ngako!
Ndincam' izizwe ngenxa yakho;
ndinikezel' iintlanga, ndizuze wena.Ivesi elandelayo!