Iivesi zeBhayibhile malunga nesilingo
- Nasiphi na isilingo esikuhlelayo siyinto eqhelekileyo emntwini. Yena ke uThixo, ngokuba ethembekile, akayi kukuyekela ulingwe ngokungaphezu kwamandla akho. Hayi, wosuka akuvulele ikroba lokuphuncula, ukuze ube nako ukunyamezela.
- Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Intliziyo yona okunene inentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.
- Unoyolo lowo uzinyamezelayo izilingo, kuba kaloku, lakudlula uvavanyo, uya kuzuza umvuzo obubomi uThixo abuthembise abo bamthandayo.
- Uthi ungawanyathela amalahle avuthayo
zize zingatshi iinyawo zakho? - Wahambisa wathi: “Zizenzo eziphuma entliziyweni yomntu ezimngcolisayo. Kaloku zivela ngaphakathi entliziyweni yomntu iingcamango ezimbi. Kulapho kuvela khona ubuhenyu, ubusela, ukubulala, ukukrexeza, ukunyoluka, inkohlakalo, inkohliso, ukurheletya, umona, ukunyelisa uThixo, ikratshi, ububhanxa. Zonke ezi zinto zikhohlakeleyo ziphuma entliziyweni yomntu, zize zimngcolise.”
- Makungabikho mntu uthi ulukuhlwe nguThixo xa ahendwayo. UThixo akoyiswa bububi kaloku; yaye akalingi mntu yena.
- Ungasiyekeli ekulingweni,
koko sihlangule kumtyholi;
kuba ngenene nguwe olawulayo,
namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen. - UYesu wabuya eJordan ezele nguMoya oyiNgcwele, wajikeleza entlango ekhokelwa nguMoya iintsuku ezimashumi mane, elingwa ngumtyholi. Akatyanga nto ngezo ntsuku, waza walamba ekupheleni kwazo.
- Nkosi yam, uyawazi umnqweno wam,
uyaziva zonke iincwina zam. - Kaloku isiqhamo sokumelana nezilingo ngokholo lunyamezelo.
- Mawethu, ukuba kukho mntu nimbhaqe esona, nina balawulwa nguMoya mfakeni endleleni; kodwa loo nto niyenze ngobulali, nizilumkele nina ziqu, hleze nani nilingeke.
- Kaloku owethu umbingeleli omkhulu ngosivelayo ebuthathakeni bethu, kuba walingwa ngeendlela zonke njengathi, kodwa zange one.
- Ngoko ke xhobani ngezikrweqe zikaThixo, ukuze nibe nako ukuxhathisa xa kunyembelekile, nize nifeze konke nimile ngxishi.
- Kodwa ke iNkosi iyabahlangula ezilingweni abantu abayithobelayo. Ke bona abangayithobeliyo ibagcinele ukubohlwaya ngomhla womgwebo.
- Eyahlwayelwa endaweni enokhula izekelisa lowo uzivayo iindaba ezi, aze ke amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuziminxe iindaba, kungabikho siqhamo.
- INkosi uYesu Krestu mayibe sisikrweqe senu, ningasilungiseleli isimo senu esonakeleyo ukuze nanelise iinkanuko zaso.
- Kaloku, wena Thixo, usivavanyile;
usicikide njengesiliva. - Ziphephe iinkanuko zobutsha; phuthuma ukulungisa, ukholo, uthando, noxolo, umanyene nabo bonke abayinqula ngokunyaniseka iNkosi.
- Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo;
kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba.
Izihloko ezinxulumeneyo
Iminqweno
Nantsi ke into endithetha...
Ukuba likhoboka
Ubani unokuthi: “Zonke izinto...
UMtyholi
Hlalani nithe qwa, nilumke!...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ububi
Musa ukoyiswa bububi; boyise...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kuba kaloku komnceda ntoni umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe?Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Umntu ozigwagwisayo uyakhawuleza ukuhlazeka;kambe ke kona ukuzithoba kuhamba nobulumko.Ivesi elandelayo!