DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nokuzila ukutya

  • Naku okona kuzila ndikufunayo:
    Zikhululeni iimbophelelo zengcinezelo;
    niwanyenyise amatyathanga edyokhwe,
    bakhululwe bonke abacinezelwa,
    niyaphule idyokhwe yengcinezelo.
  • Ngoko ke sazila sakhunga kuThixo wethu ngalo mbandela, waza wawuphendula umthandazo wethu.
  • Ke wena, xa uzilayo, uzungayeki ukuthambisa intloko yakho nokuhlamba ubuso bakho. Kothi ke ukuzila kwakho kungabonakali ebantwini, koko kubonakale kuYihlo ongabonwayo, aze yena uYihlo obona okwenzeka emfihlekweni akuvuze.
  • Ewe kaloku, utsho uNdikhoyo,
    yena uthi: “Qalisani kwangoku.
    Buyelani kum ngamxhelo mnye
    ngokuzila, ngeenyembezi, nangesingqala.”
  • Xa nizila ukutya, ze ningabi njengabo bazenzisayo, abazifanisa nabahluphekileyo. Kaloku babenza bubi ubuso babo, ukuze babonwe ngabantu ukuba bazilile. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.
  • Ndandingatyi kutya kodidi, nditsho nenyama nawayini zange ndizifake emlonyeni wam, yaye zange ndithambise nokuthambisa kwada kwadlula ezo veki zintathu.
  • Ngoko ke bazila ukutya bathandaza, bababeka izandla, baza babandulula.
  • UYesu wabuya eJordan ezele nguMoya oyiNgcwele, wajikeleza entlango ekhokelwa nguMoya iintsuku ezimashumi mane, elingwa ngumtyholi. Akatyanga nto ngezo ntsuku, waza walamba ekupheleni kwazo.
  • Ekuyikhonzeni kwabo iNkosi, bezila ukutya, uMoya oyiNgcwele wathi kubo: “Ndikhetheleni uBharnabha noSawule, ukuze benze umsebenzi endibabizele wona.”
  • Ke kaloku uMosis wahlala apho iintsuku ezingamashumi amane engatyi engaseli. Amazwi omnqophiso wawabhala apho emacwecweni, oko kukuthi imithetho elishumi.
  • Hamba uye kuwaqokelela onke amaJuda alapha kwesi sixeko saseSusa, xa ninonke nenze inzila ngenxa yam. Ze nithathe iintsuku ezintathu ningatyi ningaseli imini nobusuku. Nam ndikunye neempelesi zam siza kuzila kwenjengani. Yakuba yenzekile ke le nto, ndiza kuya kukumkani, nakuba nje ndisazi ukuba loo nto kukwaphula umthetho. Noko ke, ukuba ndifile, ndifile ke!

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Síthini na ke ngoko? Síhlale sihleli esonweni ukuze ubabalo lwande? Nakanye! Thina kaloku safa kuso isono. Singathini ke ukuba siqhubele phambili sisona?

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngoko ke, mawethu athandekayo, yomelelani ningathandabuzi. Yisebenzeleni ngenkuthalo iNkosi ngalo lonke ixesha, kuba kakade ukubulaleka kwenu ngenxa yeNkosi akunakulambatha.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela