Iivesi zeBhayibhile malunga neminqweno
- Nantsi ke into endithetha yona kuni: Ukuba nikhokelwa nguMoya kaThixo, aniyi kuzenza izinto ezinqwenelwa sisimo esidala.
- Ngoko ke yitshitshiseni iphele kuni imikhwa yeli hlabathi: ukurheletya, ukungcola, ukutshiseka, iinkanuko, nokunyoluka okukwalunqulo-zithixo.
- Xa ungazifumani izinto ozifunayo, ukhetha ukubulala; okanye xa ungafezeki umnqweno wakho, uyaxabana ulwe. Kanti ke, ungazifumani nje izinto ozifunayo, kungenxa yokuba awuziceli kuThixo.
- Uthi ungawanyathela amalahle avuthayo
zize zingatshi iinyawo zakho? - Ihlabathi nazo zonke izinto ezinqwenelwa ngabantu zezomzuzwana, ziyadlula, kodwa yena owenza ukuthanda kukaThixo uya kuhlala ehleli.
- Ubani unokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum.” Ewe, kunjalo, kodwa azikulungelanga zonke. Nam bendinokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum;” kodwa ngekhe ndinikezele ukuze ndilawulwe nayiyiphi na into.
- Kodwa ukuphepha ukurheletya elowo makabe nowakhe umfazi, aze elowo umfazi abe neyakhe indoda.
- Kaloku apho bukhoyo ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.
- Ke mna ke sendazimisela ngomxhelo wam wonke
ukuba kungáze kubekho ntombi ndiyincwasayo. - Hlalani nithe qwa, nilumke! Kaloku ummangaleli wenu umtyholi ugquma njengengonyama. Uyajikeleza; uzingela umntu angamqwengayo.
- Kaloku zonke izinto zeli hlabathi – iinkanuko zesimo esonakeleyo, ukubawa, namagugu obu bomi – aziveli kuThixo, koko zizinto zeli hlabathi.
- Umtshato uxabisekile; mawuxatyiswe nguye wonke ubani. Amadoda nabafazi mabanyaniseke omnye komnye, bangasixabheli isilili sabo. Ingqumbo kaThixo ijinga phezu kwabo bakrexezayo kwakunye nabo barheletyayo.
- Nina, mawethu, nibizelwe enkululekweni. Kodwa ke inkululeko yenu mayingabi lokroba lokuba nilawulwe sisimo esidala. Ndaweni yaloo nto khonzanani niqhutywa luthando.
- Njengenxala elikhothekileyo kukunxanwa
nam ndikwanjalo ukukulangazelela wena, Thixo. - Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Intliziyo yona okunene inentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.
- Nasiphi na isilingo esikuhlelayo siyinto eqhelekileyo emntwini. Yena ke uThixo, ngokuba ethembekile, akayi kukuyekela ulingwe ngokungaphezu kwamandla akho. Hayi, wosuka akuvulele ikroba lokuphuncula, ukuze ube nako ukunyamezela.
- Makungabikho mntu uthi ulukuhlwe nguThixo xa ahendwayo. UThixo akoyiswa bububi kaloku; yaye akalingi mntu yena.
- Naphakathi kwengqeqesho yakho, Ndikhoyo,
sihlala sijonge kuwe;
umnqweno neqhayiya lethu nguwe. - Ezi zipho zisisiqinisekiso sezinto ezinkulu nezimangalisayo asenzela zona: uThixo usenza sibe nenxaxheba kubomi bakhe, sikuphephe ukonakaliswa lihlabathi elikhohlakeleyo.
- Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi. Abanye bathe ngokusukelana nayo bahola elukholweni, baza bayingxwelerha imiphefumlo yabo ngeenzingo.
- Kaloku ubutyebi busuka buthi shwaka ngephanyazo;
ungáde ucinge ukuba busuke bantshula amaphiko bantinga njengokhozi. - Umntu onjalo ulibala imini yonke kukucinga ngezinto azifunayo;
kanti ke yena umntu olungileyo unezinwe uyapha. - Ndithini ke xa nditshoyo? Ngaba ndithi umthetho usisono? Nakanye! Kodwa ke ngendingasazanga isono ukuba ubungekho umthetho. Kaloku nenkanuko ngendingayazanga ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi: “Uze unganqweneli...”
- Mawethu, ukuba kukho mntu nimbhaqe esona, nina balawulwa nguMoya mfakeni endleleni; kodwa loo nto niyenze ngobulali, nizilumkele nina ziqu, hleze nani nilingeke.
- Ábenjenjalo ke àbanako ukumkholisa uThixo konke-konke.
Izihloko ezinxulumeneyo
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ngesondo
UThixo uthanda ukuba nibe...
Isilingo
Nasiphi na isilingo esikuhlelayo...
Ukuthanda izinto eziphathekayo
Kaloku zange size nanto...
Ukuba likhoboka
Ubani unokuthi: “Zonke izinto...
Imali
Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Neengonyama ziyaswela zilambe,kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.