DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iminqweno (2/2)

  • Yakukhula ingeniso bayanda nabaxhomekeke kuyo,
    ibe yintoni ke ezuzwa ngumniniyo?
    Kuphela uyitya ngamehlo!
  • Umntu owoyiswayo kukuzilawula usesichengeni
    oku kwesixeko esindonga ziwileyo.
  • Ungasiyekeli ekulingweni,
    koko sihlangule kumtyholi;
    kuba ngenene nguwe olawulayo,
    namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen.
  • Ndafumanisa ukuba into eyenza abantu babulaleke bazabalaze kangaka kukuxhalela abamelwane. Kambe ke naleyo ngamampunge, nqwa nokusukelana nomoya.
  • Ezo ntshinga zoba sisikhumbuzo, nize nithi maxa onke nizibona zitsho nikhumbule imiyalelo kaNdikhoyo niyithobele, khon' ukuze ningahendeki nibhaduliswe ziinkanuko zenu.
  • INkosi uYesu Krestu mayibe sisikrweqe senu, ningasilungiseleli isimo senu esonakeleyo ukuze nanelise iinkanuko zaso.
  • Ukuba iliso lakho lasekunene liyakulahlekisa, lincothule ulilahle. Kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.
  • Nivile ukuba kwathiwa: ‘Uze ungakrexezi.’ Ke mna ndithi kuni, wonke umntu okhangela umntu obhinqileyo embawela, uselekrexezile entliziyweni yakhe.
  • Uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, beka uyihlo nonyoko, uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.
  • Nina ningaboyihlo umtyholi, kwaye nithanda ukwenza intando yakhe. Yena wayesisibulala-mntu kwasekuqalekeni. Nenyaniso akayihoyanga, kuba akananyani. Usekhaya xa athetha ubuxoki, kuba yena ulixoki, usobuxoki kanye.
  • Aba bantu ke bagqwethe inyaniso kaThixo ngobuxoki. Bahlonela isidalwa, basikhonze, baze bamlibale uMdali, yena ongowokubongwa ngonaphakade. Amen. Ngenxa yoko ke, uThixo ubanikele ezinkanukweni ezilihlazo. Ewe, nditsho namabhinqa la abo ayalalana ngokuchasene nendalo yemizimba yawo. Kwangokunjalo namadoda akuyekile ukulala namabhinqa, aza atshiswa kukukhanukana. Amadoda enza amanyala kwamanye amadoda, aze ke afumane isohlwayo esiwafaneleyo, esiyimbuyekezo yokulahleka kwawo. Ekubeni ke bengakukhathalelanga ukuhlala bemazi uThixo, yena wabayekela kwezo ngcinga zabo zingcolileyo, baza benza izinto ezingafanelekanga.
  • UThixo uthanda ukuba nibe nyulu, nikucezele ukurheletya. Umntu ofuna umfazi makathathe umfazi ahlale naye ngobunyulu nembeko, iinkanuko angaziphi nomtyhi lo njengâbo bangamaziyo uThixo.
  • Ziphephe iinkanuko zobutsha; phuthuma ukulungisa, ukholo, uthando, noxolo, umanyene nabo bonke abayinqula ngokunyaniseka iNkosi.
  • Kaloku babetshilo ukuthi: “Ngemihla yokugqibela kuya kuvela abantu abalunyelisayo unqulo, bekhukuliswa yiminqweno yabo egwenxa.” Aba bantu badala iyantlukwano. Kaloku bona balawulwa yiminqweno yemvelo; abanalo ifuthe likaMoya.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Nina, mawethu, nibizelwe enkululekweni. Kodwa ke inkululeko yenu mayingabi lokroba lokuba nilawulwe sisimo esidala. Ndaweni yaloo nto khonzanani niqhutywa luthando.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha,
soze ahlukane nayo naxa selekhulile.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela