DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nomzimba

  • Anazi na ukuba imizimba yenu yindlu kaMoya oyiNgcwele, ahlala kuyo, evela kuThixo? Kaloku aningobenu; ningabakaThixo owanithenga ngexabiso elikhulu. Mdumiseni ke uThixo ngemizimba yenu.
  • Kaloku, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye ngokumanywa noKrestu. Sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye.
  • Andithi na kaloku ndadalwa nguwe;
    nditsho mna kanye lo!
    Ewe, wandixonxa wandilunga-lungisa kwandisekumama.
    Ndikubonga ndikubulela ngenxa yomntu endinguye,
    ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa kwento endiyiyo.
    Ewe, iyakhamnqisa kambe imisebenzi yakho.
    Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo.
  • Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,
    wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade.
  • Ngoko ke ligxothe ixhala entliziyweni yakho,
    ukuphephe okunokwenzakalisa umzimba wakho.
    Kaloku ubutsha namandla awo ngamampunge.
  • Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo;
    kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni.
  • Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Intliziyo yona okunene inentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.
  • Uxolo eniluphiwa nguKrestu malube lulo olugweba iintliziyo zenu, kuba uThixo wanibizela kolu xolo ukuze nibe ngamalungu omzimba omnye. Phuphumani ke ngumbulelo.
  • Musa ukuzibona usisilumko wena ngokwakho;
    ndaweni yaloo nto hlala umhlonela uNdikhoyo, ubucezele ububi.
    Loo nto iya kuwunika impilo umzimba wakho,
    atsho omelezeke amathambo akho.
  • Amazwi amyoli nqwa nobusi;
    ayanandipheka emphefumlweni, ephilisa emathanjeni.
  • Ewe, umthàmbo owenzelwa ukolula amalungu omzimba unendawo yawo. Kodwa ke uphelele apho. Kanti kona ukukhonza uThixo kunenzuzo egqithileyo, kuba akuthembisi bomi balapha kuphela, kuthembisa nobelizayo.
  • Kungenxa yale nto ke singethi mandla nje. Kaloku imo yethu entsha isuka ihlaziyeke ngokuhlaziyeka, nokuba imo yethu endala yona iya isonakala ngokonakala.
  • Ndiwuphatha gadalala umzimba wam, ndiwuqhelisa, ukuze uhlale ulawuleka; hleze ndithi ndakuba ndibashumayezile abanye, mna ngokwam ndingamkeleki.
  • Kungoko ndithi kuni, musani ukubuxhalela ubomi benu nisithi notya ntoni, nisele ntoni. Kwanomzimba wenu ze ningawuxhaleli, nisithi niya kunxiba ntoni. Ubomi abungaphezulu na kokutyiwayo; wona umzimba awungaphezulu na kokunxitywayo?
  • Mnye umzimba kaloku, ukwamnye uMoya, kwanjengokuba lilinye nethemba enabizelwa kulo nguThixo.
  • UKrestu unjengomzimba, wona unamalungu amaninzi, kodwa ube wona umnye.
  • Musani ukuboyika abo banibulala ngokwasenyameni, kodwa bengenako ukubulala umphefumlo. Yoyikani uThixo, yena onako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni.
  • Sonke ngabanye siyayenza impazamo amaxesha ngamaxesha. Ke yena umntu ongaphazamiyo ekuthetheni ugqibelele, uyakwazi ukuzilawula ngokupheleleyo.
  • Wena Thixo, unguThixo wam, ndithe swi nguwe.
    Umphefumlo wam uyakulangazelela.
    Ndihlala ndizula-zula ndikufuna;
    ndinxanele wena oku komhlaba obharhileyo.
  • Musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi notya ntoni na; ningawuxhaleli nomzimba wenu, nisithi nonxiba ntoni na. Ubomi bungaphezulu kunokutya, nomzimba ungaphezulu kunesinxibo.
  • Siyazi kaloku ukuba xa ithe yachithwa le ndlu yalapha emhlabeni, sinesakhiwo asilungiselele sona uThixo, esisezulwini, esiya kuhlala sihleli.
  • UNdikhoyo uThixo udale umfazi ngolo bambo waluthathayo endodeni, wamsa kuyo.
    Ithe ke indoda: “Nanku ke oyena-yena! Lithambo lamathambo am, nenyama yeenyama zam. Kuya kuthiwa ngumfazi, kuba uthathwe kumfo.” Yiyo ke loo nto indoda imshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, baze babe mntu mnye.
  • Ukuba iliso lakho lasekunene liyakulahlekisa, lincothule ulilahle. Kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.
  • Indoda mayimkholise umfazi wayo; nomfazi makenjenjalo endodeni yakhe. Umfazi akanagunya kowakhe umzimba; yindoda enalo. Kwangokunjalo ke nendoda ayinagunya kowayo umzimba; ngumfazi onalo.
  • Ngokunjalo nathi sonke, nokuba singamaJuda okanye amaGrike, nokuba singamakhoboka okanye singabakhululekileyo, sabhaptizelwa mzimbeni mnye, nguMoya omnye; futhi sasezwa kwaloo Moya mnye.

Ewe, nokuba ndinganikisa ngempahla yam yonke, ndide nam ngokwam ndizinikele ukuba nditshiswe, kodwa ke ndingenalo uthando, akuncedi nto konke-konke.
Funda ngokugqithisileyo...

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Masisondele ke ngoko singenadyudyu apho ahleli khona esihlalweni sokulawula uThixo wethu onenceba; apho sakwenzelwa khona ububele nesisa, sincedakale ngoku kuselithuba.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Umntu ophayo uba nenkqubela;
ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela