Iivesi zeBhayibhile malunga nomphefumlo
- Niya kuthi ke nakumfuna uNdikhoyo uThixo wenu nikuloo meko nimfumane; ewe, ukuba nimfuna nimlangazelela ngomxhelo wenu wonke niya kumfumana.
- Kaloku komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe? Okanye umntu angakhupha ntoni na exabisekileyo ukuze angàlahlekelwa bubomi bakhe?
- Ndithe cwaka ndikholose ngoThixo;
kaloku nguye yedwa ondikhululayo. - Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?
Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam. - Utsho uNdikhoyo ukuthi:
“Yimani eziphambukeni nikhangele,
nibuzise ngomendo wamandulo,
niqonde ukuba yiyiphi na indlela eyiyona-yona,
nihambe ngayo ke,
ukuze nifumane inzolo emphefumlweni.
Ke nina nathi: ‘Asiyi kuhamba ngayo!’” - Waza uYesu wathi: “ ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.’”
- Mhlobo oyintanda, ndithandazela ukuba konke kube hele, kube chosi kuwe, nanjengoko ndisazi ukuba kunjalo nasemphefumlweni wakho.
- Musani ukuboyika abo banibulala ngokwasenyameni, kodwa bengenako ukubulala umphefumlo. Yoyikani uThixo, yena onako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni.
- Andithi na kaloku ndadalwa nguwe;
nditsho mna kanye lo!
Ewe, wandixonxa wandilunga-lungisa kwandisekumama.
Ndikubonga ndikubulela ngenxa yomntu endinguye,
ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa kwento endiyiyo.
Ewe, iyakhamnqisa kambe imisebenzi yakho.
Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo. - Nondifuna nindifumane, xa nindifuna ngomxhelo wonke.
- Wena Thixo, unguThixo wam, ndithe swi nguwe.
Umphefumlo wam uyakulangazelela.
Ndihlala ndizula-zula ndikufuna;
ndinxanele wena oku komhlaba obharhileyo. - Mbonge uNdikhoyo, moya wam!
Mandimbonge uNdikhoyo ngomxhelo wam wonke! - Amazwi amyoli nqwa nobusi;
ayanandipheka emphefumlweni, ephilisa emathanjeni. - Ndithembele ngokupheleleyo kuNdikhoyo;
ewe, ndikholosa ngelizwi lakhe. - Ndathi: “Mhlekazi, ndihlangule
kumaxoki nakubakhohlisi.” - Ugqibelele won' umyalelo kaNdikhoyo:
uhlaziya amandla.
Uthembekile wona,
kub' unik' isiyatha
ubulumko. - Kambe maze ninyaniseke ngokupheleleyo ekuwuthobeleni umyalelo nomthetho eniwuwiselwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo, othi: ‘Mthande uNdikhoyo uThixo wakho; mthobele ezintweni zonke, uyigcine imiyalelo yakhe, unamathele kuye, umkhonze ngomxhelo wonke nangomoya wakho wonke.’
- Ndiya kumemelela ndinemincili,
ndicule ngokuzimisela okukhulu
ngenxa yokuba undihlangule. - Ngoku ke sendiza kufa. Nazi mhlophe ezintliziyweni zenu nasemiphefumlweni yenu ukuba akukho nanye into ayithembisileyo angayenzanga uNdikhoyo; ewe, akukho nanye into ayithethileyo angayiphumelelisanga.
- Ndithe cwaka, ndikholose ngoThixo;
kaloku nguye yedwa ithemba lam. - Ewe, intliziyo yam iyakulangazelela, Thixo,
nditsho wena Thixo ophilayo.
Yaz'ba koda kube nini na
ukuze ndide ndibe nonxibelelwano nawe, Thixo? - Ndobahlaziya abatyhafileyo, ndibondle abafa yindlala.
Izihloko ezinxulumeneyo
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...
Umzimba
Anazi na ukuba imizimba...
Phumla
Yizani kum, nina nonke...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Dumisani
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...