Iivesi zeBhayibhile malunga nokulunga
- Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.
- Ngoko ke masisebenzele ukulungelwa komntu wonke, ngalo lonke ixesha esinethuba ngalo, ngokukodwa usapho lwamakholwa.
- Ewe, uNdikhoyo ulungile:
ungumqolomba ngamaxesha eenkathazo;
ubakhathalele abo bathembele kuye. - Musa ukoyiswa bububi; boyise ububi ngokulungisa.
- UNdikhoyo ulilungisa ngeendlela zonke,
unobubele kuko konke akwenzayo. - Ngenene ndobuxhamla kambe ububele bukaNdikhoyo
lo gama ndisadla amazimba. - Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.
- Uthando malungabi naluhanahaniso. Yithiyeni inkohlakalo; bambelelani kokulungileyo.
- “Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kukho abatshoyo. Ewe kunjalo kambe, kodwa azilunganga zonke izinto. Ewe: “Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kodwa izinto azakhi zonke.
- Ngenxa yaloo nto ke kufuneka nenze unako-nako ukongezelela ukholo ngesidima, nesidima ngengqiqo, ingqiqo ngokuzeyisa, nokuzeyisa ngonyamezelo, unyamezelo ngembeko, nembeko ngokuhlobana, nokuhlobana ngokuthanda abantu bonke.
- Kaloku unako uThixo ukunipha nangaphezu kweemfuneko zenu, ukuze nisoloko nanele kwiimeko zonke, nibe nako ukuhlangabezana nayo yonke imisebenzi emihle.
- Kananjalo isibane asilunyekwa siqutyudelwe ngethunga; koko sixhonywa endaweni yaso, sikhanyisele bonke abasendlwini. Makukhanye ngokukwanjalo ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu elungileyo, bamdumise uYihlo osezulwini.
- Thembela kuNdikhoyo wena, wenze okulungileyo;
uya kuba sisima-mhlaba, ube nekamva. - Umntu uzilahlela kuloo nto ayinqwenelayo;
phofu akunani kwaukuba lihlwempu kunokuba lixoki. - Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.
- Ngubani onganenzakalisayo xa nisenza okulungileyo?
- Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;
makaphuthume uxolo, ahlale kulo. - Khumbula, Ndikhoyo, inceba yakho,
nothando lwakho obukade unalo kwakudala.
Ungazikhumbuli izono zobutsha bam,
nokungathobeli kwam umthetho wakho;
kanye ndazelelele ngothando olungagungqiyo,
ngenxa yobubele bakho, Ndikhoyo. - Intetho ekrwada mayingaphumi emilonyeni yenu. Ukuthetha kwenu makuthambe, kube kokwakhayo, ukuze kube luncedo nentsikelelo kwabaphulaphuleyo.
- Utsho uNdikhoyo ukuthi:
“Yimani eziphambukeni nikhangele,
nibuzise ngomendo wamandulo,
niqonde ukuba yiyiphi na indlela eyiyona-yona,
nihambe ngayo ke,
ukuze nifumane inzolo emphefumlweni.
Ke nina nathi: ‘Asiyi kuhamba ngayo!’” - Musani ukuphazama: “Incoko embi iyasonakalisa isimilo esihle.”
- Ukuba uyandiphulaphula uya kuba nako ukubuqonda ubulungisa,
ukwazi okufanelekileyo nokulungileyo.
Ewe, uya kutsho uyazi yonke indlela ethe ngqo. - Nguye owazenza idini ngenxa yethu, wasikhupha ekudeleni umthetho. Wasenza abantu bakhe abanyulu, abalangazelela ukwenza okulungileyo.
- Kaloku apho kukhoyo ukukhanya, kulapho kuntshula khona konke ukulunga, nabo bonke ubulungisa, nenyaniso.
- Abafazi bona mabandileke, banxibe ngesidima, bathozame; iinwele bangazihombisi ngokugqithisileyo. Mabangayokozeli ngamaso egolide, nawamatye exabiso, bawunduzelise ngeelokhwe zeendleko. Ndaweni yaloo nto mababe nemisebenzi emihle efanele amakhosikazi abanga igama lobuKrestu.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ububi
Musa ukoyiswa bububi; boyise...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ummelwane
Owesibini ke ngulo: ‘Uze...
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Wena undazisa iindlela zobomi;kaloku ndizala yimincili xa ndiphambi kwakho.
Ngasekunene kwakho yimihlali yodwa kude kube ngunaphakade.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
UNdikhoyo uThixo wakho unawe;uligorha elisindisayo.
Yena unemihlali ngawe, enovuyo;
uya kukuthulisa ngothando lwakhe;
ugcoba ngawe eyiyizela.Ivesi elandelayo!