Iivesi zeBhayibhile malunga nokuzibamba
- Umntu owoyiswayo kukuzilawula usesichengeni
oku kwesixeko esindonga ziwileyo. - Kuba kaloku uMoya esimnikwe nguThixo asingowobuphakuphaku, koko uvuselela isibindi, uthando, nokuzeyisa.
- Ngenxa yaloo nto ke kufuneka nenze unako-nako ukongezelela ukholo ngesidima, nesidima ngengqiqo, ingqiqo ngokuzeyisa, nokuzeyisa ngonyamezelo, unyamezelo ngembeko, nembeko ngokuhlobana, nokuhlobana ngokuthanda abantu bonke.
- Onomonde ulungile kunegorha;
olawula umsindo wakhe ungcono kunothimba isixeko. - Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.
- Khumbulani le nto, zihlobo zam: Wonke ubani makakhawuleze ukuva; kodwa makangakhawulezi ukuthetha, angakhawulezi nokucaphuka.
- Ukuthetha komntu kulawula ukuphila nokufa;
ke othetha kakhulu uvuna iziqhamo zaloo nto. - Nasiphi na isilingo esikuhlelayo siyinto eqhelekileyo emntwini. Yena ke uThixo, ngokuba ethembekile, akayi kukuyekela ulingwe ngokungaphezu kwamandla akho. Hayi, wosuka akuvulele ikroba lokuphuncula, ukuze ube nako ukunyamezela.
- Masingalali buthongo ke thina njengabanye abo; masiphaphe, singanxili.
- Umntu osisiyatha uzibonakalisa kwangoko xa ecaphukile;
kanti ke yena umntu oqiqayo akazidubi ngezithuko. - Isiyatha asiwulawuli umsindo;
kambe ke sona isilumko siyaphola sizibambe. - Kaloku uThixo usibonakalisile isisa sakhe, ukuze asindise lonke uluntu. Ngaso safundiswa ukuzilumla kwizinto ezisahlukanisa noThixo, nakwiminqweno emibi. Sifundiswe nokuhlala singcathu sinyanisekile, nokuhlonela uThixo kobu bomi.
- Ndiwuphatha gadalala umzimba wam, ndiwuqhelisa, ukuze uhlale ulawuleka; hleze ndithi ndakuba ndibashumayezile abanye, mna ngokwam ndingamkeleki.
- Musani ke ukuthatha isimilo sabantu beli phakade, kodwa iingqondo zenu maziguquke zihlaziyeke, nize niyivume intando kaThixo, yona ilungileyo, ikholekileyo, igqibeleleyo.
- Nabani na ozigqatsayo kukhuphiswano uba phantsi kwengqeqesho engqongqo. Le nto uyayinyamezela khon' ukuze afumane isithsaba esibunayo. Kodwa thina siyenza siza kuzuza isithsaba esingagugiyo.
- Kuba kweli dabi lethu asilwi nabantu, kodwa silwa nemimoya ekhohlakeleyo esesibhakabhakeni, izilawuli, nabasemagunyeni, kunye nemimoya engcolileyo yeli phakade lobumnyama.
- Musa ukujika-jika uye ngasekunene nangasekhohlo;
unyawo lwakho malubucezele ububi. - Ngoko ke zilumkeleni, hleze niphulukane nayo into ebeniyisebenzela. Zabalazani, khon' ukuze nilifumane linjengoko linjalo ibhaso lenu.
- Ke mna ke sendazimisela ngomxhelo wam wonke
ukuba kungáze kubekho ntombi ndiyincwasayo. - Musani ukwala ukuhlangana, ngaphandle kokuba nivumelene ukungahlangani okomzuzwana, nisenzela ukuba nibe nethuba lokuthandaza. Emva koko ke ze nibuye nihlangane, hleze uSathana anihende ngenxa yokungabi nako kwenu ukuzibamba.
- UThixo uthanda ukuba nibe nyulu, nikucezele ukurheletya. Umntu ofuna umfazi makathathe umfazi ahlale naye ngobunyulu nembeko, iinkanuko angaziphi nomtyhi lo njengâbo bangamaziyo uThixo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Iminqweno
Nantsi ke into endithetha...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
Umsindo
Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli...
UMtyholi
Hlalani nithe qwa, nilumke!...
Ngesondo
UThixo uthanda ukuba nibe...