DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nomsindo

  • Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli esonweni; futhi malingade litshone ilanga ninomsindo. Umtyholi musani ukumvulela indawo ebomini benu.
  • Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando alunamona, alugwagwisi, lungakhukhumali. Uthando alugezi, alufuni okukokwalo, alunachuku, alunanzondo.
  • Nize ningabi nanqala mntwini. Mkhalimele umntu owonayo, hleze nawe ube netyala. Ze ningaziphindezeli mntwini, okanye nimbambe isixhiba, koko nina mthandeni ummelwane wenu, kanye ngale ndlela nizithanda ngayo. Kutsho mna Ndikhoyo.
  • Intiyo iphembelela ingxabano;
    ke lona uthando luyazingcwaba zonke izono.
  • Khumbulani le nto, zihlobo zam: Wonke ubani makakhawuleze ukuva; kodwa makangakhawulezi ukuthetha, angakhawulezi nokucaphuka.
  • Impendulo ethambileyo iyawuthibaza umsindo,
    kanti ke wona amazwi akrwempayo ahlobisa igazi.
  • Umntu onomonde uba nengqiqo;
    kambe ke yena ocaphuka msinya usuka enze ubudenge.
  • Wahambisa wathi: “Zizenzo eziphuma entliziyweni yomntu ezimngcolisayo. Kaloku zivela ngaphakathi entliziyweni yomntu iingcamango ezimbi. Kulapho kuvela khona ubuhenyu, ubusela, ukubulala, ukukrexeza, ukunyoluka, inkohlakalo, inkohliso, ukurheletya, umona, ukunyelisa uThixo, ikratshi, ububhanxa. Zonke ezi zinto zikhohlakeleyo ziphuma entliziyweni yomntu, zize zimngcolise.”
  • Isiyatha asiwulawuli umsindo;
    kambe ke sona isilumko siyaphola sizibambe.
  • Umntu osisiyatha uzibonakalisa kwangoko xa ecaphukile;
    kanti ke yena umntu oqiqayo akazidubi ngezithuko.
  • Ikratshi liphembelela ingxabano;
    ke bona ubulumko buzuzwa ngabo bamkela iingcebiso.
  • Umntu onesidima uyasicezela isiphithi-phithi;
    kanti ke sona isiyatha siyathanda ukuphemba uqhushululu.
  • Niyabona ke, mawethu, lumkani kungabikho bani kuni ukhohlakeleyo, ungakholwayo, ongumkreqi kuThixo ophilayo.
  • ‘Guquka, mkreqikazindini Sirayeli!’
    Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
    ‘Andizi kuba sakukhangela ngobuso obusangeneyo,
    kuba ndinenceba.’
    Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
    Úthi: ‘Andiyi kuhlala ndiniqumbele.’
  • Ke zona izinto ezibangwa sisimo esidala zicace mhlophe; nazi: ukurheletya, ukungcola, nobuhenyu; unqulo-zithixo, nobugqwirha; ubutshaba, imbambano, ubukhwele, iphuku, ukubawa, amayelenqe, nezahlukano; umona, ubunxila, nokuthanda iziyolo, njalo-njalo. Nangoku ke ndiyanilumkisa, njengoko besenditshilo ngaphambili, ukuba abo benza izinto ezinjengezi, soze babuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ithemba lelungisa liza novuyo;
ke lona ithemba lesikhohlakali liphelel' emoyeni.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ndithe cwaka ndikholose ngoThixo;
kaloku nguye yedwa ondikhululayo.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela