IBHAYIBHILE (XHO96)
IBHAYIBHILE
© Bible Society of South Africa 1996
© Bible Society of South Africa 1996
Amavesi ayisibonelo
Ekuqaleni uThixo wadala izulu nomhlaba. Kwakuselubala nje emhlabeni, kungekho nto ikhoyo. Inzonzobila yamanzi eyayigubungele konke yayithiwe gqume sisithokothoko sobumnyama. UMoya kaThixo wafukama phezu kwaloo manzi.
InguNdikhoyo nje ondalusayo,
ndingaswela ntoni na?
Nguye ondikhaphelela kumadlelo aluhlaza,
andikhokelele kwimilambo empompozayo.
ndingaswela ntoni na?
Nguye ondikhaphelela kumadlelo aluhlaza,
andikhokelele kwimilambo empompozayo.
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso zam ngani zokuba ndininike intlala-kahle ingabi bububi, ndinidalele ikamva nethemba.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
Kaloku uThixo ihlabathi ulithande kangangokuba ude wancama uNyana okuphela kwakhe, ukuze wonke umntu ozinikele kuye ngokupheleleyo angatshabalali, koko abe nobona bomi bungenasiphelo.
Ndinako ukumelana nayo nayiphi na imeko ngenxa yamandla alowo undomelezayo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kuba iziBhalo zithi:“Ndingophilayo nje, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,
zimdumise uThixo zonke iilwimi.”