DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nokuPhumla

  • Yizani kum, nina nonke nisindwayo, nibulalekayo; ndoniphumza.
  • Ndithe cwaka ndikholose ngoThixo;
    kaloku nguye yedwa ondikhululayo.
  • Ndiya kuphumla ngenzolo, ndilale;
    nguwe kuphela kaloku, Ndikhoyo, ondinqabisayo.
  • Utsho uNdikhoyo ukuthi:
    “Yimani eziphambukeni nikhangele,
    nibuzise ngomendo wamandulo,
    niqonde ukuba yiyiphi na indlela eyiyona-yona,
    nihambe ngayo ke,
    ukuze nifumane inzolo emphefumlweni.
    Ke nina nathi: ‘Asiyi kuhamba ngayo!’”
  • InguNdikhoyo nje ondalusayo,
    ndingaswela ntoni na?
    Nguye ondikhaphelela kumadlelo aluhlaza,
    andikhokelele kwimilambo empompozayo.
  • Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke,
    uhlala esemthunzini kaSomandla.
    Yena uya kuthi: “Ndikhoyo, ungumkhuseli wam;
    uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.”
  • Usabalindele ke ngoko abantu bakaThixo omnye umhla wokuphumla. Nabani na kaloku ongenayo ekuphumleni noThixo, uyaphumla kwimicimbi yakhe, njengoko noThixo waphumlayo kweyakhe.
  • Ngenani edyokhweni yam, nifunde kum, kuba mna ndilulamile, ndingontliziyo ithobekileyo. Nothi ke nizifumanele ukuphumla iintliziyo zenu, kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ulula.
  • Khanibuxhamle ububele bukaNdikhoyo;
    ngenene unoyolo umntu othembela ngoNdikhoyo!
  • Ngoko ke masizimisele ukuya kuphumla noThixo. Makungabikho bani ungathobeliyo, hleze naye aphulukane nokuphumla njengoko baphoswayo kuko ngenxa yokungeva kwabo.
  • Kuzo zonke izinto isiphelo sisemnyango. Ngoko ke hlalani nisezingqondweni, nikuqulele ukuthandaza.
  • UMhla wokuPhumla wugcine ulusuku olulodwa lwam njengoko mna Ndikhoyo Thixo wakho ndikuyalelayo. Sebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho. Ke wona umhla wesixhenxe lusuku lwam olulodwa lokuphumla. Ngoko ke makungabikho mntu usebenzayo ngalo mhla; nditsho nawe, umntwana wakho, nesicaka sakho, nemfuyo yakho, ngokunjalo nomngeneleli ohlala phakathi kwenu. Nesicaka sakho masiphumle kwanjengawe.
  • Ndithe cwaka, ndikholose ngoThixo;
    kaloku nguye yedwa ithemba lam.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Umntu onjalo ulibala imini yonke kukucinga ngezinto azifunayo;
kanti ke yena umntu olungileyo unezinwe uyapha.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela