DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga neSabatha

  • Hlala uwukhumbula uMhla wokuPhumla, uwugcine ulusuku olulodwa lukaNdikhoyo. Sebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho. Ke wona umhla wesixhenxe lusuku lwam olulodwa lokuphumla. Ngoko ke makungabikho mntu usebenzayo ngalo mhla; nditsho nawe, umntwana wakho, nesicaka sakho, nemfuyo yakho, ngokunjalo nomngeneleli ohlala phakathi kwenu. Kaloku mna Ndikhoyo ndênza umhlaba, nesibhakabhaka, nolwandle, nako konke okulapho kwezo zinto, ngeentsuku ezintandathu, ndaza ke ndaphumla ngomhla wesixhenxe. Ngenxa yaloo nto ke lo mhla ndawukhetha ukuze ube lusuku olulodwa lokuphumla.
  • UMhla wokuPhumla wugcine ulusuku olulodwa lwam njengoko mna Ndikhoyo Thixo wakho ndikuyalelayo. Sebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho. Ke wona umhla wesixhenxe lusuku lwam olulodwa lokuphumla. Ngoko ke makungabikho mntu usebenzayo ngalo mhla; nditsho nawe, umntwana wakho, nesicaka sakho, nemfuyo yakho, ngokunjalo nomngeneleli ohlala phakathi kwenu. Nesicaka sakho masiphumle kwanjengawe.
  • Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu; yenzani ngokwemimiselo yam, niyithobele imithetho yam ngononelelo. Yigcineni iyodwa iMila yam yokuPhumla, ukuze ibe ngumqondiso phakathi kwam nani. Kwakuba njalo niya kwazi ukuba mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu.
  • UNdikhoyo ke uthi:
    “Ukuba nithe ke nawuhlonela uMhla wokuPhumla,
    nayeka ukuzikholisa ngalo mhla wam uwodwa,
    xa nithe nawulangazelela lo mhla,
    ukuba niyawuxabisa umhla kaNdikhoyo,
    ngawo ningenzi misebenzi iyeyenu,
    niyeke ukuzonwabisa ngawo nokuthetha ngokungakhathali,
    uNdikhoyo ke uya kunonwabisa,
    animise nasezintabeni,
    nixhamle ilifa lokhokho wenu uYakobi.”
    Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo.
  • Wawuthamsanqelisa umhla wesixhenxe, wawumisa wangumhla okhethekileyo, kuba ngaloo mhla wayeselegqibile ukudala.
  • Kwathi uYesu ecanda emasimini ngoMhla wokuPhumla, abafundi bakhe basuka bakha izikhwebu zengqolowa. Bathi ke kuye abaFarasi: “Khawutsho, kungani na ukuba abafundi bakho benze okungavumelekanga ngoMhla woPhumlo?” Uthe ke yena kubo: “Anizange nikufunde na awakwenzayo uDavide, mhla walamba engenanto ityiwayo, yena neqela lakhe? Kaloku wangena endlwini kaThixo ngemihla ka-Abhiyatare umbingeleli omkhulu, wazitya izonka ezazinikelwe kuThixo, wanika neqela lakhe. Kanti ngokomthetho ezi zonka azimelwe kutyiwa ngabangengobabingeleli.” Waza wathi ke kubo: “UMhla woPhumlo lo wabakho ngenxa yomntu, asinguye umntu owabakho ngenxa yawo. Ngoko ke uNyana woLuntu uyiNkosi yawo noMhla woPhumlo.”
  • Omnye okunene uthi umhla othile ubalulekile kunomnye umhla, wumbi ke uthi imihla iyafana. Elowo ke makaqiniseke kweyakhe ingqiqo.
  • Ubeke phi ke umntu ukuxabiseka kunegusha? Ngoko ke kulungile ukwenza inceba ngoMhla wokuPhumla.
  • Ngoko ke makungabikho bani unixoxisayo ngento emaniyitye, okanye niyisele, nangemisitho yokuthwasa kwenyanga neyoMhla wokuPhumla. Ezi zinto zazisisithunzi nje sento eyayilindelekile – inkqu yayo nguKrestu.
  • Usabalindele ke ngoko abantu bakaThixo omnye umhla wokuphumla. Nabani na kaloku ongenayo ekuphumleni noThixo, uyaphumla kwimicimbi yakhe, njengoko noThixo waphumlayo kweyakhe.
  • Zintandathu iintsuku eningenza ngazo umsebenzi, kodwa ze nikhumbule ukuba umhla wesixhenxe wona ngowokuphumla. Ze ningasebenzi ngaloo mhla, koko ze nihlanganisane ninqule. UMhla wokuPhumla wona wahlulelwe uNdikhoyo, nditsho nokuba nihlala phi na.
  • Nina gcinani iMihla yam yokuPhumla, niyihlonele indawo endinqulwa kuyo. Kaloku ndim uNdikhoyo.
  • Ke kaloku ngomnye uMhla woPhumlo uYesu wayefundisa ndlwini yesikhungo ithile. Apho kwakukho umfazi owayenendimoni eyamgulisa iminyaka elishumi elinesibhozo. Wayegobile, engenako mpela ukuma nkqo. Akuba uYesu embonile, wambiza, wathi kuye: “Mfazi, ukhululekile ebulwelweni bakho.” Wambeka izandla, waza ke lo mfazi wema nkqo kwangoko, wabulela uThixo.
    Ke lona igosa lendlu yesikhungo, licaphukile kuba uYesu ephilise ngoMhla wokuPhumla, lathi kwisihlwele: “Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo. Yizani ngayo niphiliswe, kungabi ngawo uMhla wokuPhumla.” Yaphendula ke iNkosi, yathi: “Mamenemenendini, ngubani na kuni ongayikhululiyo ngoMhla woPhumlo emkhumbini wesitali inkomo yakhe, okanye idonki yakhe, ayirhole esiya kuyiseza? Lo ke, eyintombi ka-Abraham nje, owayebotshiwe le minyaka ilishumi elinesibhozo nguSathana, ubengamelwe kukukhululwa na kulo mabophe ngoMhla woPhumlo?” Akuba etshilo, basuka badana bonke ababechasene naye. Ke sona isihlwele sasivuya ngenxa yazo zonke izinto ezintle awayezenza.
  • Ngoko ke masizimisele ukuya kuphumla noThixo. Makungabikho bani ungathobeliyo, hleze naye aphulukane nokuphumla njengoko baphoswayo kuko ngenxa yokungeva kwabo.
  • Kaloku khumbula ukuba nawe ubulikhoboka kwelaseJiputa, ndaza ke mna Ndikhoyo Thixo wakho ndakukhulula ngamandla obungangamsha bam. Yiyo ke le nto ndikuyalela ukuba uwubeke uMhla wokuPhumla.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ndizolulela kuwe izandla zam;
ndikunxanele njengomhlaba owomileyo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

UNdikhoyo uThixo wakho unawe;
uligorha elisindisayo.
Yena unemihlali ngawe, enovuyo;
uya kukuthulisa ngothando lwakhe;
ugcoba ngawe eyiyizela.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela