DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nendalo

  • Ekuqaleni uThixo wadala izulu nomhlaba. Kwakuselubala nje emhlabeni, kungekho nto ikhoyo. Inzonzobila yamanzi eyayigubungele konke yayithiwe gqume sisithokothoko sobumnyama. UMoya kaThixo wafukama phezu kwaloo manzi.
  • Andithi na kaloku ndadalwa nguwe;
    nditsho mna kanye lo!
    Ewe, wandixonxa wandilunga-lungisa kwandisekumama.
    Ndikubonga ndikubulela ngenxa yomntu endinguye,
    ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa kwento endiyiyo.
    Ewe, iyakhamnqisa kambe imisebenzi yakho.
    Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo.
  • Indlu nganye inomakhi wayo, kodwa ke nguThixo umseki wazo zonke izinto.
  • Kaloku imo engabonwayo kaThixo – ndithetha amandla akhe angapheliyo kwanobuThixo bakhe – ibonakala kakuhle kwasekudalweni kwehlabathi. Kaloku iqondakala ngezinto azenzileyo uThixo. Ngenxa yoko abantu abanasiphephelo mpela.
  • Aa, Mhlekazi Ndikhoyo, wena wasolula isandla sakho, wawenza umhlaba nesibhakabhaka ngamandla akho amakhulu! Akukho nanye into ekunqabelayo wena!
  • Wawuthamsanqelisa umhla wesixhenxe, wawumisa wangumhla okhethekileyo, kuba ngaloo mhla wayeselegqibile ukudala.
  • Kaloku zonke izinto ziphuma kuyo iNkosi, zikho ngayo, zikholo yona. Mayidunyiswe ke iNkosi kude kube ngunaphakade! Amen.
  • Amehlo am ndiwajongis' enkalweni;
    yaz'ba lovela ngaphi na uncedo lwam?
    Umncedi wam nguNdikhoyo,
    yena ungumenzi wamazulu nehlabathi.
  • Singumsebenzi wezandla zikaThixo ke thina. Kaloku simanywe noYesu Krestu nje, uThixo wasidalela ukuba sizinikele ekwenzeni imisebenzi emihle awasimisela yona kwangaphambili.
  • Wamdala ke uThixo umntu. Wamenza wangumfuziselo wakhe. Wadala umntu oyindoda kwakunye nomntu obhinqileyo.
  • Kanti ngaba awazi na?
    Ngaba zange uve na?
    UNdikhoyo nguThixo onguSonini-nanini;
    yena ngumdali wehlabathi jikelele.
    Yena soze adinwe atyhafe,
    nengqiqo yakhe ayiphengululeki.
  • Wathetha nje ngelizwi, akho amazulu,
    wadala ilanga, inyanga, noozinkwenkwezi.
  • Zingekadalwa iintaba, ungekalenzi ilizwe nehlabathi,
    ubusel' ukade unguThixo wena kwanini-nini.
  • Into yonke uyimisele ixesha layo. Umntu yena umnike ulangazelelo lokuqonda nangamaxesha angamiselwanga. Kodwa ke umntu akafikeleli ekuyazini into eyenziwa nguThixo ukususela ekuqaleni kuye esiphelweni.
  • Kuba indalo iphela ilangazelela ukuba uThixo ade abaveze oonyana bakhe.
  • Waza ke uThixo wathi: “Masenze umntu abe ngumfuziselo wethu, afane nathi. Makabe negunya, alawule iintlanzi elwandle, iintaka ezibhabha esibhakabhakeni, iinkomo, nazo zonke izilo nezinambuzane elizweni.”
  • Namhla kunamhla, yimini kaNdikhoyo;
    masizonwabise sibe nemihlali ngayo.
  • Ulobhotwe lakhe lakhiw' ezulwini,
    amis' uphahla lwesibhakabhaka phezu komhlaba;
    ulobiz' amanz' olwandle awagalele phezu komhlaba –
    nguNdikhoyo igama lakhe.
  • Uncedo lwethu luvela kuNdikhoyo
    ongumdali wamazulu nehlabathi.
  • Akuba umntu emanywe noKrestu uba yindalo entsha – isimo esidala yinto yezolo, sekuqaleke isimo esitsha.
  • Ke kaloku ndaziva izidalwa nayo yonke indalo, ezulwini nasemhlabeni, phantsi komhlaba naselwandle, zidanduluka zisithi:
    “Kulowo uhleli esihlalweni sokulawula, nakulo iXhwane,
    mayibekho indumiso nesithozela, ubungangamsha namandla,
    ngonaphakade kanaphakade!”
  • Kuba kungaye sikho nje, sisuka-suka, siphilile. Kunjengoko zitshoyo ezinye zeembongi zenu ukuthi: ‘Nathi siyinzala yakhe.’
  • Izinto zonke zadalwa ngaye; ngaphandle kwakhe akubangakho nto idaliweyo.
  • Mawoo kulowo uphikisana noMenzi wakhe!
    Imbiza nje yomdongwe ingathini ukusuka iphikisane nombumbi wayo?
    Ungathini umdongwe ukuthi kumbumbi: “Wenza ntoni kodwa?”
    Ingakhalaza na imbiza ithi: “Uliqhithala, mbumbindini”?
  • Wathi akuthanda uThixo wasizala ngokutsha ngelizwi lenyaniso, saza ke saba lulibo lwayo yonke indalo yakhe.

Uthe ke uNdikhoyo uThixo emva koko: “Akukuhle ukuba le ndoda ihlale ililolo. Kuhle ndiyenzele umlingane onokuncedisana nayo.”
Funda ngokugqithisileyo...

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;
ndikhala kuwe ndibindekile.
Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,
usiphulaphule isikhungo sam.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Xa ke kanti, mawethu, izithembiso ezinje zenzelwa thina, masizenze sibe nyulu emzimbeni nasemphefumlweni, sibe ngcwele ngokuhlala simoyika uThixo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela