Iivesi zeBhayibhile malunga nendalo
- Ekuqaleni uThixo wadala izulu nomhlaba. Kwakuselubala nje emhlabeni, kungekho nto ikhoyo. Inzonzobila yamanzi eyayigubungele konke yayithiwe gqume sisithokothoko sobumnyama. UMoya kaThixo wafukama phezu kwaloo manzi.
- Andithi na kaloku ndadalwa nguwe;
nditsho mna kanye lo!
Ewe, wandixonxa wandilunga-lungisa kwandisekumama.
Ndikubonga ndikubulela ngenxa yomntu endinguye,
ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa kwento endiyiyo.
Ewe, iyakhamnqisa kambe imisebenzi yakho.
Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo. - Indlu nganye inomakhi wayo, kodwa ke nguThixo umseki wazo zonke izinto.
- Kaloku imo engabonwayo kaThixo – ndithetha amandla akhe angapheliyo kwanobuThixo bakhe – ibonakala kakuhle kwasekudalweni kwehlabathi. Kaloku iqondakala ngezinto azenzileyo uThixo. Ngenxa yoko abantu abanasiphephelo mpela.
- Aa, Mhlekazi Ndikhoyo, wena wasolula isandla sakho, wawenza umhlaba nesibhakabhaka ngamandla akho amakhulu! Akukho nanye into ekunqabelayo wena!
- Wawuthamsanqelisa umhla wesixhenxe, wawumisa wangumhla okhethekileyo, kuba ngaloo mhla wayeselegqibile ukudala.
- Kaloku zonke izinto ziphuma kuyo iNkosi, zikho ngayo, zikholo yona. Mayidunyiswe ke iNkosi kude kube ngunaphakade! Amen.
- Amehlo am ndiwajongis' enkalweni;
yaz'ba lovela ngaphi na uncedo lwam?
Umncedi wam nguNdikhoyo,
yena ungumenzi wamazulu nehlabathi. - Singumsebenzi wezandla zikaThixo ke thina. Kaloku simanywe noYesu Krestu nje, uThixo wasidalela ukuba sizinikele ekwenzeni imisebenzi emihle awasimisela yona kwangaphambili.
- Wamdala ke uThixo umntu. Wamenza wangumfuziselo wakhe. Wadala umntu oyindoda kwakunye nomntu obhinqileyo.
- Kanti ngaba awazi na?
Ngaba zange uve na?
UNdikhoyo nguThixo onguSonini-nanini;
yena ngumdali wehlabathi jikelele.
Yena soze adinwe atyhafe,
nengqiqo yakhe ayiphengululeki. - Wathetha nje ngelizwi, akho amazulu,
wadala ilanga, inyanga, noozinkwenkwezi. - Zingekadalwa iintaba, ungekalenzi ilizwe nehlabathi,
ubusel' ukade unguThixo wena kwanini-nini. - Into yonke uyimisele ixesha layo. Umntu yena umnike ulangazelelo lokuqonda nangamaxesha angamiselwanga. Kodwa ke umntu akafikeleli ekuyazini into eyenziwa nguThixo ukususela ekuqaleni kuye esiphelweni.
- Kuba indalo iphela ilangazelela ukuba uThixo ade abaveze oonyana bakhe.
- Waza ke uThixo wathi: “Masenze umntu abe ngumfuziselo wethu, afane nathi. Makabe negunya, alawule iintlanzi elwandle, iintaka ezibhabha esibhakabhakeni, iinkomo, nazo zonke izilo nezinambuzane elizweni.”
- Namhla kunamhla, yimini kaNdikhoyo;
masizonwabise sibe nemihlali ngayo. - Ulobhotwe lakhe lakhiw' ezulwini,
amis' uphahla lwesibhakabhaka phezu komhlaba;
ulobiz' amanz' olwandle awagalele phezu komhlaba –
nguNdikhoyo igama lakhe. - Uncedo lwethu luvela kuNdikhoyo
ongumdali wamazulu nehlabathi. - Akuba umntu emanywe noKrestu uba yindalo entsha – isimo esidala yinto yezolo, sekuqaleke isimo esitsha.
- Ke kaloku ndaziva izidalwa nayo yonke indalo, ezulwini nasemhlabeni, phantsi komhlaba naselwandle, zidanduluka zisithi:
“Kulowo uhleli esihlalweni sokulawula, nakulo iXhwane,
mayibekho indumiso nesithozela, ubungangamsha namandla,
ngonaphakade kanaphakade!” - Kuba kungaye sikho nje, sisuka-suka, siphilile. Kunjengoko zitshoyo ezinye zeembongi zenu ukuthi: ‘Nathi siyinzala yakhe.’
- Mawoo kulowo uphikisana noMenzi wakhe!
Imbiza nje yomdongwe ingathini ukusuka iphikisane nombumbi wayo?
Ungathini umdongwe ukuthi kumbumbi: “Wenza ntoni kodwa?”
Ingakhalaza na imbiza ithi: “Uliqhithala, mbumbindini”? - Wathi akuthanda uThixo wasizala ngokutsha ngelizwi lenyaniso, saza ke saba lulibo lwayo yonke indalo yakhe.
- Uthe ke uNdikhoyo uThixo emva koko: “Akukuhle ukuba le ndoda ihlale ililolo. Kuhle ndiyenzele umlingane onokuncedisana nayo.”
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Izulu
Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa...
Ukuqonda
Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise...
Ubuhle
Awumhle ngako, sithandwa sam!...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...