DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Indalo (2/2)

  • Uthe ke uNdikhoyo uThixo emva koko: “Akukuhle ukuba le ndoda ihlale ililolo. Kuhle ndiyenzele umlingane onokuncedisana nayo.”
  • Yizani siqubude simnqule,
    siguqe phambi koNdikhoyo umdali wethu.
  • Kuthi mnye uThixo. Yena nguThixo uYise owadala izinto zonke, esikholo yena thina. Inye kuthi neNkosi. Yona nguYesu Krestu, ezabakho ngaye zonke izinto, esikho ngaye nathi.
  • Mkhumbule uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho,
    ngoku ingekafiki imihla yeenkathazo,
    ingekasondeli neminyaka apho uya kuthi: “Akukho nto imnandi ekudleni ubomi.”
  • UNdikhoyo uThixo udale umfazi ngolo bambo waluthathayo endodeni, wamsa kuyo.
    Ithe ke indoda: “Nanku ke oyena-yena! Lithambo lamathambo am, nenyama yeenyama zam. Kuya kuthiwa ngumfazi, kuba uthathwe kumfo.” Yiyo ke loo nto indoda imshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, baze babe mntu mnye.
  • Wathi uThixo makubekho ukukhanya. Kwabakho ukukhanya.
  • Wabathamsanqelisa uThixo wathi: “Yandani, inzala yenu ilizalise ilizwe, nilongamele. Ndininika igunya phezu kweentlanzi, iintaka, nazo zonke izilo elizweni.”
  • Wathi ke uNdikhoyo uThixo: “Umntu ngoku unjengathi, uyakwazi ukucalula okuhle kokubi. Kuya kuthini ke xa athe wakha, watya kumthi wobomi, aze aphile angaze afe?” UNdikhoyo uThixo wamgxothela ngaphandle komyezo umntu, wamenza umlimi womhlaba avele kuwo.
  • Wabaphendula wathi: “Aniyifundanga na eziBhalweni le ndawo ithi: ‘UMdali wabadala kwasekuqalekeni bayindoda nomfazi. Yiyo ke loo nto indoda ishiya uyise nonina nje, inamathele kumkayo, baze bamanyane’? Ke ngoko àbasebabini, koko banye. Abo ke uThixo abamanyileyo mabangahlulwa mntu.”
  • Kambe ke, unguTata, wena Ndikhoyo.
    Ke thina siludongwe;
    wena ke ungumbumbi,
    thina singumsebenzi wezandla zakho.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Nina, mawethu, nibizelwe enkululekweni. Kodwa ke inkululeko yenu mayingabi lokroba lokuba nilawulwe sisimo esidala. Ndaweni yaloo nto khonzanani niqhutywa luthando.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngoko ke, mawethu athandekayo, yomelelani ningathandabuzi. Yisebenzeleni ngenkuthalo iNkosi ngalo lonke ixesha, kuba kakade ukubulaleka kwenu ngenxa yeNkosi akunakulambatha.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela