Iivesi zeBhayibhile malunga Ukuba nesiqhamo
- Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo,
lowo ukholosa ngaye!
Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni,
ongcambu zinabela emanzini.
Awoyiki naxa ilanga lishushu;
amagqabi awo ahlala eluhlaza.
Ngexesha lembalela awunaxhala;
uhlala uvelisa iziqhamo. - Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.
- Asinini enanyula mna, ndim owaninyulayo nina. Ndanimisela okokuba niqhubele phambili, nivelise iziqhamo ezihlala zikho. Ke ngoko uBawo uya kuninika konke enithi nikucele egameni lam.
- Ke ngoko velisani iziqhamo ezifanele inguquko.
- Ndim umdiliya; nina ningamasebe. Ohlala emanyene nam, ndibe mna ndihleli ndimanyene naye, uya kuvelisa iziqhamo ezininzi. Kaloku aninakwenza nento le nahlukene nam.
- Udumo lukaBawo luyatshatshela xa nivelisa iziqhamo ezininzi, nisenjenjalo kuba ningabafundi bam.
- Eyahlwayelwa endaweni enokhula izekelisa lowo uzivayo iindaba ezi, aze ke amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuziminxe iindaba, kungabikho siqhamo.
- Xa nisenza ngokwemimiselo yam, niyithobela imiyalelo yam, ndiya kunipha imvula ngexesha, uze umhlaba wenu uvelise isivuno, nemithi ithwale iziqhamo.
- Ke bona abahlwayeli boxolo abaseluxolweni bavuna ubulungisa.
- Noba ungade ungadubuli umkhiwane,
umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
nokuba awungevelisi nto umnquma,
namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
zingade zingabikho iigusha esibayeni,
nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
ewe, khona kungade kube njalo,
kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo. - Ukuthetha komntu kulawula ukuphila nokufa;
ke othetha kakhulu uvuna iziqhamo zaloo nto. - Likwanjalo ke nelizwi endilithethayo:
alibuyi lilambatha,
koko liyawufezekisa umnqweno wam,
liliqaqambise icebo lam. - Kambe ke, xa sisephantsi kwayo, ingqeqesho ayivakali iluyolo, koko ibuhlungu; kodwa ke abo bayinyamezelayo baba nobomi obusulungekileyo obuyondeleleneyo.
- Ndininika zonke izityalo ezithwala iinkozo elizweni, kunye nemithi ethwala iziqhamo. Zoba kukutya kwenu ezo zinto.
- Ningazibandakanyi nezinto zobumnyama eziphuthileyo ezenziwa ngabantu. Ndaweni yaloo nto zibhenceni ekukhanyeni ezo zinto, zibonakale icace into eziyiyo. Kungaziintloni nokuwathetha amanyundululu abawenza ngasese.
- Wabathamsanqelisa uThixo wathi: “Yandani, inzala yenu ilizalise ilizwe, nilongamele. Ndininika igunya phezu kweentlanzi, iintaka, nazo zonke izilo elizweni.”
- Ngokholo nkqu noSara owayengazali, naxa wayeselegugile nje, wafumana amandla, wakhawula, kuba wathemba ukuba uThixo lo uthembisileyo wosigcina isithembiso sakhe.
- Mna ndingumdiliya wenene; umlimi wawo nguBawo. Onke amasebe akum angavelisi siqhamo uyawasusa; onke avelisa isiqhamo uyawathena, ukuze avelise isiqhamo ngakumbi.
Izihloko ezinxulumeneyo
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Ukuvuna
Ke uThixo obonelela umhlwayeli...
Ukuthobela
Waphendula uYesu wathi kuye...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Neengonyama ziyaswela zilambe,kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.