DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nezithixo

  • Bantwana bam, zilumkeleni izithixo!
  • Ngoko ke, indim nje uThixo wenu, sanukundidibanisa nezithixo ezenziwe ngesiliva okanye igolide.
  • Anazi na ukuba abakhohlakeleyo abayi kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo? Musani ukulahlekiswa: abarheletyi, nabakhonza izithixo, nabakrexezayo, nabafebayo, nabangamadoda alalanayo, nabangamasela, nababawayo, nabangamanxila, nabathukayo, nabazizikrelemnqa, abanakubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo.
  • NguNdikhoyo uThixo wenu emanimlandele, nimhlonele. Mthobeleni, niyenze imiyalelo yakhe; futhi mkhonzeni, nibambelele kuye.
  • Amasiko eentlanga angamampunge nje.
    Bagawula umthi ehlathini,
    ziwuqingqe ngesixholo iingcibi,
    uhonjiswe ngesiliva nangegolide,
    ubethelelwe ngezikhonkwane ukuze ungagungqi.
    Oothixo abanjalo bafana nonomgogwana
    oxhonywe entsimini yentyabontyi:
    abakwazi kuthetha,
    bayathwalwa kuba abakwazi kuhamba.
    Musani ukuboyika:
    akukho nto imbi banganenza yona,
    kungekho nanto banokunceda ngayo.
  • Kuvumeni nikwamkele ukuba uNdikhoyo unguThixo wamazulu nehlabathi. Akukho Thixo wumbi ngaphandle kwakhe.
  • Ningazibandakanyi nezinto zobumnyama eziphuthileyo ezenziwa ngabantu. Ndaweni yaloo nto zibhenceni ekukhanyeni ezo zinto, zibonakale icace into eziyiyo. Kungaziintloni nokuwathetha amanyundululu abawenza ngasese.
  • Ngoko ke yitshitshiseni iphele kuni imikhwa yeli hlabathi: ukurheletya, ukungcola, ukutshiseka, iinkanuko, nokunyoluka okukwalunqulo-zithixo.
  • Ukanti ke ndinguNdikhoyo uThixo wakho.
    Mna ndakukhuphulula eJiputa.
    AwunaThixo ngaphandle kwam,
    kungekho namsindisi ingendim.
  • Ke ukuba kubi emehlweni enu ukumkhonza uNdikhoyo, khethani ngoku, ukuba nokhonza bani na nina, phakathi koothixo baseMesopotami booyihlo noothixo bama-Amori enimi kumhlaba wawo. Kodwa mna kunye nomzi wam, siya kukhonza uNdikhoyo.
  • “Nezo zixhobo zixonxwe ngenxa yakho soze zikutshabalalise,
    uya kumphendula nabani na okumangalelayo.
    Lilo ke elo ilifa lezicaka zikaNdikhoyo;
    ewe, mna ndozithi jize ngoloyiso.”
    Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo!
  • Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana.
  • Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi. Abanye bathe ngokusukelana nayo bahola elukholweni, baza bayingxwelerha imiphefumlo yabo ngeenzingo.
  • Musa ukoyiswa bububi; boyise ububi ngokulungisa.
  • Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho.
  • Anditsho ukuba ubasuse ehlabathini, koko ndicela ukuba ubakhusele kongendawo.
  • Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;
    makaphuthume uxolo, ahlale kulo.
  • “Yahlukanani ke nazo ezo zithixo zasemzini ninazo,” watsho uYoshuwa, “nize ke nizinikele ngomxhelo wonke kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli.”
  • Aba bantu ke bagqwethe inyaniso kaThixo ngobuxoki. Bahlonela isidalwa, basikhonze, baze bamlibale uMdali, yena ongowokubongwa ngonaphakade. Amen. Ngenxa yoko ke, uThixo ubanikele ezinkanukweni ezilihlazo. Ewe, nditsho namabhinqa la abo ayalalana ngokuchasene nendalo yemizimba yawo. Kwangokunjalo namadoda akuyekile ukulala namabhinqa, aza atshiswa kukukhanukana. Amadoda enza amanyala kwamanye amadoda, aze ke afumane isohlwayo esiwafaneleyo, esiyimbuyekezo yokulahleka kwawo. Ekubeni ke bengakukhathalelanga ukuhlala bemazi uThixo, yena wabayekela kwezo ngcinga zabo zingcolileyo, baza benza izinto ezingafanelekanga.
  • Baqhayisa ngeenqwelo zokulwa abanye, abanye ngamahashe;
    thina siqhayisa ngoNdikhoyo uThixo wethu.
  • Ke zona izinto ezibangwa sisimo esidala zicace mhlophe; nazi: ukurheletya, ukungcola, nobuhenyu; unqulo-zithixo, nobugqwirha; ubutshaba, imbambano, ubukhwele, iphuku, ukubawa, amayelenqe, nezahlukano; umona, ubunxila, nokuthanda iziyolo, njalo-njalo. Nangoku ke ndiyanilumkisa, njengoko besenditshilo ngaphambili, ukuba abo benza izinto ezinjengezi, soze babuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ithemba lelungisa liza novuyo;
ke lona ithemba lesikhohlakali liphelel' emoyeni.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle. Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela