Iivesi zeBhayibhile ezithetha ngokumoyika uThixo
- Ukumthobela uNdikhoyo kukubuthiya ububi.
Yiloo nto ndikuchasileyo ukuzigwagwisa,
ikratshi, ukungabi nasimilo, kunye nentetho egwenxa. - Xa ke kanti, mawethu, izithembiso ezinje zenzelwa thina, masizenze sibe nyulu emzimbeni nasemphefumlweni, sibe ngcwele ngokuhlala simoyika uThixo.
- Musa ukuzibona usisilumko wena ngokwakho;
ndaweni yaloo nto hlala umhlonela uNdikhoyo, ubucezele ububi.
Loo nto iya kuwunika impilo umzimba wakho,
atsho omelezeke amathambo akho. - UNdikhoyo uyabanakekela abo bamhlonelayo
nabo bathembe izibele zenceba yakhe. - Ukuba uyazithoba, umhlonela uNdikhoyo,
uya kuxhamla ubutyebi, isidima, nobomi. - Phulaphulani ke, maSirayeli, ingaba yintoni afuna niyenze uNdikhoyo uThixo wenu? Ufuna nimhlonele, ningaphambuki endleleni yakhe. Ufuna nimthande, nimkhonze ngengqondo yenu yonke nangomoya wenu wonke, nithobele imiyalelo nemimiselo yakhe, le ndininika yona namhlanje ukuze kulunge kuni.
- Hay' inyhweba yomntu omthobelayo uNdikhoyo,
ohamba ngokwemimiselo yakhe. - Umfazi onomtsalane angakukhohlisa, ke bona ubuhle buyatshitsha;
kuphela ngumfazi ohlonela uNdikhoyo oya kubongwa. - Kubhetele ukuba lihlwempu elihlonela uNdikhoyo
kunokuba sisinhanha esiphethwe ngamaxhala. - Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo,
kambe ke zona izityhakala zibujongele phantsi ubulumko nengqeqesho. - Ngoko ke ngoku nasi isishwankathelo salo mbandela: Mhlonele uThixo, uyithobele imimiselo yakhe, kuba oko luxanduva lomntu ngamnye.
- NguNdikhoyo uThixo wenu emanimlandele, nimhlonele. Mthobeleni, niyenze imiyalelo yakhe; futhi mkhonzeni, nibambelele kuye.
- Ke kuni, nina balihlonelayo igama lam, ilanga lobulungisa liya kuphuma linempilo emaphikweni alo. Niya kukhululeka nidlobe njengamankonyana ephuma esibayeni.
- Ngenxa yokuba ababelekisi bemoyika uThixo, uThixo wabavuza ngeentsapho.
- Ukuhlonela uNdikhoyo kufundisa ubulumko;
indlela eya ewongeni yintobeko. - Aa! Bayethe, Mhlekazi!
Hayi uyolo lomntu omthobelayo uNdikhoyo,
oyilangazelelayo imiyalelo yakhe. - Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo;
umntu omaziyo oyiNgcwele kanye uzuza ingqiqo. - Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo.
Abayenzayo ke le nto baba nengqiqo eyiyo.
Ewe, makadunyiswe nanini-nanini! - Ngoko ke bonke banikeni okubafaneleyo – irhafu kofanelwe yirhafu, umrhumo kofanelwe ngumrhumo, ukuhlonitshwa kofanelwe kukuhlonitshwa, imbeko kofanelwe yimbeko.
- Akwaba bebeya kusoloko benezimvo ezinje! Akwaba bebeya kuhlala bendihlonipha bayithobele imiyalelo yam, khon' ukuze balungelwe bona nezizukulwana zabo naphakade.
- Ngenene uThixo uyasithamsanqela;
ngamana lamthobela ihlabathi jikelele. - Intlungu yomntu imelwe kukukhathalelwa zizihlobo zakhe,
nditsho nokuba yena selekutyeshele ukumhlonela uSomandla. - Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo,
khon' ukuze ndinamathele enyanisweni.
Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi;
ndikunqule ndingankwalambisi. - Ngoko ke yithobeleni imiyalelo kaNdikhoyo uThixo wenu, nihambe ngeendlela zakhe, nimhlonele.
- Ke kaloku ibandla kulo lonke elakwaJuda naseGalili naseSamariya lazola, kungekho ntshutshiso. Laba nenkqubela, lakhula nangamanani, limhlonela uThixo, likhuthazwa nguMoya oyiNgcwele.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
Ukukhonza
Ngoko ke, mawethu athandekayo...
Ukuthobela
Waphendula uYesu wathi kuye...
Ukulandela
Ewe, hambani ngokwemimiselo yonke...