Iivesi zeBhayibhile malunga nempilo
- Ukuba ke uthe wanqula mna Ndikhoyo uThixo wakho, ndiya kukuthamsanqela ngokutya namanzi, ndikutshayele ukufa kungabikho phakathi kwenu.
- Mhlobo oyintanda, ndithandazela ukuba konke kube hele, kube chosi kuwe, nanjengoko ndisazi ukuba kunjalo nasemphefumlweni wakho.
- Umnyangi wabantliziyo zenzakeleyo,
ewe, umbophi wamanxeba abo. - Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo;
kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni. - Anazi na ukuba imizimba yenu yindlu kaMoya oyiNgcwele, ahlala kuyo, evela kuThixo? Kaloku aningobenu; ningabakaThixo owanithenga ngexabiso elikhulu. Mdumiseni ke uThixo ngemizimba yenu.
- Philisani abagulayo, nivuse abafileyo, nihlambulule abaneqhenqa, nikhuphe iindimoni. Namkelé ngesisa, ke ngoko yiphani ngesisa.
- Amazwi amyoli nqwa nobusi;
ayanandipheka emphefumlweni, ephilisa emathanjeni. - Musa ukuzibona usisilumko wena ngokwakho;
ndaweni yaloo nto hlala umhlonela uNdikhoyo, ubucezele ububi.
Loo nto iya kuwunika impilo umzimba wakho,
atsho omelezeke amathambo akho. - Ekuvile oko uYesu, wathi kubo: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo.”
- Ngoko ke ligxothe ixhala entliziyweni yakho,
ukuphephe okunokwenzakalisa umzimba wakho.
Kaloku ubutsha namandla awo ngamampunge. - Ewe, umthàmbo owenzelwa ukolula amalungu omzimba unendawo yawo. Kodwa ke uphelele apho. Kanti kona ukukhonza uThixo kunenzuzo egqithileyo, kuba akuthembisi bomi balapha kuphela, kuthembisa nobelizayo.
- Umnqweno ongafezekiyo uyamngcungcuthekisa umntu;
kanti ke wakufezeka umnqweno ufana nomthi onika ubomi.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukugula
Xa umntu egula, makabize...
Umzimba
Anazi na ukuba imizimba...
Ukuphilisa
Wathi kuye uYesu: “Oo...
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...