DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nokuphilisa

  • Wathi kuye uYesu: “Oo, uthi: ‘Ukuba ndinako;’ – zonke izinto zinokwenzeka kokholwayo.”
  • Eyivile ke le nto uYesu, uphendule wathi: “Sukoyika; kholwa nje wena. Yophiliswa.”
  • Umnyangi wabantliziyo zenzakeleyo,
    ewe, umbophi wamanxeba abo.
  • Xa umntu egula, makabize amadoda amakhulu ebandla; wona aya kumthandazela, amthambise ngeoyile egameni leNkosi. Lo mthandazo uphuma elukholweni uya kumnyanga umntu ogulayo, iNkosi imbuyisele empilweni, zithi nezono azenzileyo zixolelwe.
  • Wathi kuyo uYesu: “Hamba uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”
    Yabona ke kwangoko, yamlandela uYesu endleleni apho.
  • Philisani abagulayo, nivuse abafileyo, nihlambulule abaneqhenqa, nikhuphe iindimoni. Namkelé ngesisa, ke ngoko yiphani ngesisa.
  • Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo;
    kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni.
  • Ndiphilise, Ndikhoyo, ndiphile qete.
    Ndisindise, khon' ukuze ndisinde.
    Kaloku nguwe udumo lwam.
  • Phofu ke ungxwelerhwe ngenxa yokukreqa kwethu;
    ewe, ubulewe ngenxa yobugwenxa bethu.
    Ukohlwaywa kwakhe kusiphathele uxolo;
    thina sinyangwe ngamanxeba akhe.
  • Ngoko ke zivumeni izono omnye komnye, nithandazelane, khon' ukuze ninyangeke. Kaloku umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso.
  • Ukuba abantu bam abo babizwa ngegama lam bathe bazithoba bathandaza bendikhunga befuna ubuso bam, bazilahla iindlela zabo ezikhohlakeleyo, ke mna ndiya kubaphulaphula ndibeve ndisezulwini, ndisixolele isono sabo, ndilinyange ilizwe labo.
  • Ke kuni, nina balihlonelayo igama lam, ilanga lobulungisa liya kuphuma linempilo emaphikweni alo. Niya kukhululeka nidlobe njengamankonyana ephuma esibayeni.
  • Izono zethu wazithathela kuye siqu, waxhonywa nazo emnqamlezweni, khon' ukuze thina siyeke ukuphilela ukona, koko siphilele ukulungisa. Ninyangwe ngamanxeba akhe.
  • Jika uxelele inkokheli yabantu bam uHezekiya, uthi: ‘Nali ilizwi elithethwa nguNdikhoyo uThixo kayihlo uDavide: Ndiwuvile umthandazo wakho, ndazibona neenyembezi zakho. Ndiza kukuphilisa. Ngosuku lwesithathu ukusuka ngoku uya kuya endlwini kaNdikhoyo.’
  • Niyiphilise imilwelwe elapho, nithi kubo: ‘Luthwasile ulawulo lukaThixo!’
  • Ekuvile oko uYesu, wathi kubo: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo.”
  • Wathetha ngelizwi, baza baphila;
    ewe, wabahlangula ekufeni.
  • Ukuba nithe nandithobela ngokupheleleyo, nenza okuhle nokufanelekileyo ngokuhamba ngemimiselo yam, soze ndinohlwaye ngezibetho nezifo endaziwisela amaJiputa. Kaloku mna ndinguNdikhoyo, ugqirha wenu.
  • Ke kaloku ngomnye uMhla woPhumlo uYesu wayefundisa ndlwini yesikhungo ithile. Apho kwakukho umfazi owayenendimoni eyamgulisa iminyaka elishumi elinesibhozo. Wayegobile, engenako mpela ukuma nkqo. Akuba uYesu embonile, wambiza, wathi kuye: “Mfazi, ukhululekile ebulwelweni bakho.” Wambeka izandla, waza ke lo mfazi wema nkqo kwangoko, wabulela uThixo.
    Ke lona igosa lendlu yesikhungo, licaphukile kuba uYesu ephilise ngoMhla wokuPhumla, lathi kwisihlwele: “Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo. Yizani ngayo niphiliswe, kungabi ngawo uMhla wokuPhumla.” Yaphendula ke iNkosi, yathi: “Mamenemenendini, ngubani na kuni ongayikhululiyo ngoMhla woPhumlo emkhumbini wesitali inkomo yakhe, okanye idonki yakhe, ayirhole esiya kuyiseza? Lo ke, eyintombi ka-Abraham nje, owayebotshiwe le minyaka ilishumi elinesibhozo nguSathana, ubengamelwe kukukhululwa na kulo mabophe ngoMhla woPhumlo?” Akuba etshilo, basuka badana bonke ababechasene naye. Ke sona isihlwele sasivuya ngenxa yazo zonke izinto ezintle awayezenza.
  • UNdikhoyo ngumvuli wamehlo eemfama,
    umphakamisi wâbo bawileyo.
    UNdikhoyo ngumathand' amalungisa.
  • UMoya weNkosi undongamele,
    ngoko ke indithambisile;
    indalathele ukushumayela iindaba ezimnandi kwabasweleyo.
    Yandithuma ukuvakalisa inkululeko kubathinjwa,
    nokubuyisela ukubona kwabaziimfama,
    ndibandululè bekhululekile abacinezelweyo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Wathi uPetros kubo: “Guqukani ezonweni zenu nonke ngabanye, nibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, ukuze nixolelwe izono zenu, nize namkele isipho soMoya oyiNgcwele.”Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela