Iivesi zeBhayibhile malunga neZwi likaThixo
- Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza. Libukhali ngaphezu kwekrele elibazwe macala. Lihlabanisela liye kuthi xhokro embindini, phakathi komzimba nomphefumlo, nasekudibaneni kwamathambo nomongo. Liyazihluza lizicalu-calula iingcamango neminqweno yabantu.
- Sonke isibhalo sinefuthe loMoya kaThixo. Siyanceda ekufundiseni inyaniso nokuchitha imposiso. Siyanceda ukulungisa isimilo, sinike ingqeqesho; ukuze lowo uzinikele kuThixo abe namandla okuwuphumeza nawuphi na umsebenzi omhle.
- Ilizwi lakho sisibane sendlela yam;
liyandikhanyisela eluhambeni. - Musani ukuzikhohlisa ngokuliphulaphula nje qha ilizwi likaThixo. Endaweni yaloo nto nina yenzani oko likuthethayo.
- Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu?
Ngokuthobela ilizwi lakho. - Ke yena wathi: “Yithi kanye: unoyolo lowo ulivayo ilizwi likaThixo alenze.”
- Ingca iyatshaza, yona ke intyatyambo ibune,
ke lona ilizwi loThixo wethu lohlala lihleli. - Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!
Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!
Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye. - Wonke ke umntu owevayo la mazwi am, aze awenze, unokufanekiswa nendoda eyingqondi, ethe yayakhela phezu kwesiseko samatye indlu yayo.
- Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.
- Yonke into enimelwe kukuyenza yenzeni ngaphandle kokukhalaza nokuxambulisana, niziphathe nyulu ningenagxeke, njengosapho lukaThixo olungabekwa bala phakathi kwabantu abakhohlakeleyo beli phakade. Khanyani phakathi kwabo njengeenkwenkwezi zikhanya esibhakabhakeni, nibanika iindaba zobomi.
- Lithi lakuchazwa ilizwi lakho kutsho kuthi qwenge;
abangazi nto libanika ukuqonda. - Waphendula yena wathi: “IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa; uphila ngamazwi onke athethwa nguThixo.’”
- Ekuqaleni, kungekadalwa, wayeselekho uLizwi. ULizwi lo wayekunye noThixo, naye ngokwakhe enguThixo.
- Kaloku ilizwi likaNdikhoyo linyanisekile,
nemisebenzi yakhe yonke inyanisekile. - IziBhalo zithi kuya kugqabhuka imisinga yamanzi aphilisayo embilinini walowo ukholwayo kum.
- UThixo olizwi ndilidumisayo
ndikholosa ngaye ndingenadyudyu.
Soze andenze nto umntu. - Njengamakholwa aseziintsana langazelelani ubisi olungangxengwanga: ndixela ilizwi likaThixo eliya kunikhulisa nide nisindiswe.
- Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko;
luphuma emlonyeni wakhe ulwazi nokuqonda. - Ke ngoko uYesu wathi kumaJuda abeke ithemba kuye: “Ukuba nithe nazingisa ukuhlala nisenza oko ndinifundisileyo, niya kuba ngabafundi bam benene. Niya kuyiqonda ke inyaniso; yaye inyaniso iya kunenza nikhululeke.”
- Wena ulikhaka nekhusi lam;
ndiqamele ngelizwi lakho. - Likwanjalo ke nelizwi endilithethayo:
alibuyi lilambatha,
koko liyawufezekisa umnqweno wam,
liliqaqambise icebo lam. - Yahlukanani nemikhwa emibi nehambo engcolileyo. Mlulameleni uThixo, namkele ilizwi lakhe alifake kuni ezintliziyweni. Lilo elinamandla okunisindisa.
- ULizwi ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe awabunikwa nguYise, njengoko ekukuphela koNyana wakhe; ubungangamsha ke obuphuphuma ububele nenyaniso.
- Wanithoba eniyekela ngendlela, waza kananjalo wanipha imana, kutya oko naningakwazi, nina ngokunjalo nooyihlo-mkhulu. Le nto ke wayenza kuba efuna niqonde nazi ukuba ubomi bomntu abuxhomekanga kutyeni kuphela, koko buxhomekeke kuwo onke amazwi kaNdikhoyo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ukuthobela
Waphendula uYesu wathi kuye...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ukuphulaphula
Khumbulani le nto, zihlobo...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Neengonyama ziyaswela zilambe,kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.