Iivesi zeBhayibhile malunga nengqondo
- Iingqondo zenu zimiliseleni kwizinto zaphezulu, kungabi kwizinto zalo mhlaba.
- Ngoko ke yigqaleni indlela eniziphatha ngayo. Yibani ngabantu abanengqondo; musani ukuba ziziyatha. Eli thuba ninalo lisebenziseni kakuhle, kuba akho amaxesha amabi.
- Waza uYesu wathi: “ ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.’”
- Ozingela ubulumko uyazithanda ngokwakhe;
okuxabisileyo ukuqonda uzuza ukonwaba. - Ukukhula kobulumko kwandisa ukukhathazeka;
kanti ke nokukhula kolwazi kongeza iinzingo. - Umntu ondwebileyo uthi akuyibona ayicezele ingozi,
kanti ke yena ongaqiqiyo uphoseka kuyo enzakale. - Unenyhweba kambe umntu obufumeneyo ubulumko;
nditsho lowo ukuzuzileyo ukuqonda. - Iintsimbi ziyalolana;
ngokunjalo ke nezihlobo ziyakhuthazana. - Ukuba bakho abantu abalumkileyo nabaqondayo phakathi kwenu, loo nto mabayibonakalise ngobomi obumsulwa, nangezenzo zentobeko nobulumko.
- Wonke ke umntu owevayo la mazwi am, aze awenze, unokufanekiswa nendoda eyingqondi, ethe yayakhela phezu kwesiseko samatye indlu yayo.
- Kanti ke nesiyatha sicingelwa ukuba sisilumko ukuba asithandi kuthetha;
kaloku umntu othuleyo ubalelwa ukuba yingqondi. - Ngalo ubabalo endababalwa ngalo ndithi kuni nonke: Musani ukuzicingela ngaphezu koko umntu amelwe kukuzicingela ngako. Ndaweni yaloo nto yibani neengcinga ezithobekileyo. Elowo nalowo makazikhuthaze ngokokholo aluphiwe nguThixo.
- Kaloku imo engabonwayo kaThixo – ndithetha amandla akhe angapheliyo kwanobuThixo bakhe – ibonakala kakuhle kwasekudalweni kwehlabathi. Kaloku iqondakala ngezinto azenzileyo uThixo. Ngenxa yoko abantu abanasiphephelo mpela.
- Kaloku ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguye uYesu Krestu, naye ke ebethelelwe emnqamlezweni.
- Umntu ongaqiqiyo akayikhathalele imfundiso kayise;
kambe ke yena ozamkelayo iziluleko unengqondo. - Nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo, kungaphezulu lee kunayo yonke imibingelelo namadini atshiswayo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Umhlaba
Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto...
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...
Amandla
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Izulu
Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa...