DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga neIingcamango

  • Ndibhenela kuwe, Thixo wam:
    khawundigoca-goce, undiphicothe, undiqondisise;
    ndivavanye uziqonde iingcamango zam!
    Ndiqwalasele, hleze ndithi kanti ndiphambukile;
    undikhokelele kwindlela eyeyona-yona.
  • Wahambisa wathi: “Zizenzo eziphuma entliziyweni yomntu ezimngcolisayo. Kaloku zivela ngaphakathi entliziyweni yomntu iingcamango ezimbi. Kulapho kuvela khona ubuhenyu, ubusela, ukubulala, ukukrexeza, ukunyoluka, inkohlakalo, inkohliso, ukurheletya, umona, ukunyelisa uThixo, ikratshi, ububhanxa. Zonke ezi zinto zikhohlakeleyo ziphuma entliziyweni yomntu, zize zimngcolise.”
  • Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,
    yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho.
  • “Kaloku ingcinga zam azifani nezenu,
    neendlela zenu azifani nezam,”
    utsho yena uNdikhoyo!
  • Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu kwazo zonke ezinye yintliziyo yakho,
    kuba yona ingumthombo wobomi.
  • Musani ke ukuthatha isimilo sabantu beli phakade, kodwa iingqondo zenu maziguquke zihlaziyeke, nize niyivume intando kaThixo, yona ilungileyo, ikholekileyo, igqibeleleyo.
  • Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo.
  • Ewe, Ndikhoyo, undigoca-gocile, uyandazi.
    Wena undazi ukusuka nokuhlala;
    iingcamango zam uziqonda zingekaveli.
  • Zonke iindlela zomntu zibonakala zilungile kwawakhe amehlo,
    kanti ke nguNdikhoyo oyibeka esikalini intliziyo yomntu.
  • Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza. Libukhali ngaphezu kwekrele elibazwe macala. Lihlabanisela liye kuthi xhokro embindini, phakathi komzimba nomphefumlo, nasekudibaneni kwamathambo nomongo. Liyazihluza lizicalu-calula iingcamango neminqweno yabantu.
  • Qiqa phambi kokuba ubeke unyawo lwakho endleleni,
    ukuze ihambo yakho iqiniseke.
  • Egameni leNkosi yethu uYesu Krestu ndiyanibongoza, mawethu, ukuba nivane, nithethe nto-nye, kungabikho zimbambano phakathi kwenu. Manyanani nibe luqilima, nimxhelo mnye, ninazimvo zinye.
  • Kanene yintoni na emntwini ebaziyo ubume bomntu, ingenguwo umoya womntu ongaphakathi kwakhe? Ngokunjalo nobume bukaThixo akukho namnye ubaziyo, ingenguye uMoya kaThixo.
  • Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emntwini,
    kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.
  • Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba ubani kuni uba usisilumko kweli hlabathi, makabe “sisidenge” ukuze abe sisilumko ngenene.
  • Ke mna ke sendazimisela ngomxhelo wam wonke
    ukuba kungáze kubekho ntombi ndiyincwasayo.
  • Ngako ke finyezani umbhinqo, nibaze iingqondo, ningathembi nanye into ngaphandle kwesisa seentsikelelo eziza kuza noYesu ukufika kwakhe.
  • Ngoko ke, xa nithandazayo, ze ningenzi milembelele ingento, njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi.
  • Kungoko ndithi kuni, musani ukubuxhalela ubomi benu nisithi notya ntoni, nisele ntoni. Kwanomzimba wenu ze ningawuxhaleli, nisithi niya kunxiba ntoni. Ubomi abungaphezulu na kokutyiwayo; wona umzimba awungaphezulu na kokunxitywayo?
  • Umntu okhohlakeleyo makahlukane nobubi,
    netshijolo maliyeke ukuyila ubutshijolo.
    Maliguquke, lize kuNdikhoyo;
    yena wosuka abe novelwano lilo.
    Malize kuThixo wethu,
    kuba yena uxolela kangangoko.
  • Ngoku ke, kulowo unako ukwenza ngaphezu kokuba sicela nokuba siqiqa, ngamandla akhe asebenza ngaphakathi kuthi: Makubekho udumo kuThixo ebandleni, nakuKrestu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana ngonaphakade kanaphakade. Amen.
  • Ngalo ubabalo endababalwa ngalo ndithi kuni nonke: Musani ukuzicingela ngaphezu koko umntu amelwe kukuzicingela ngako. Ndaweni yaloo nto yibani neengcinga ezithobekileyo. Elowo nalowo makazikhuthaze ngokokholo aluphiwe nguThixo.
  • Musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi notya ntoni na; ningawuxhaleli nomzimba wenu, nisithi nonxiba ntoni na. Ubomi bungaphezulu kunokutya, nomzimba ungaphezulu kunesinxibo.
  • Abo besimo esonakeleyo banyamekela izinto zeso simo; ibe ke abo boMoya banyamekela izinto zoMoya.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;
ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.
Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,
xa uhambayo naxa ubuyayo,
kuqalela ngoku kude kube nini-nini.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela