Iivesi zeBhayibhile malunga nokuzingca
- Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza ngokuzigwagwisa nangokuqhayisa. Ndaweni yaloo nto zithobeni, nibaphakamise kunani abanye abantu.
- Makungabikho bani ufuna ukulungelwa yedwa; elowo makakhathalele nokwabanye.
- Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando alunamona, alugwagwisi, lungakhukhumali. Uthando alugezi, alufuni okukokwalo, alunachuku, alunanzondo.
- Ke apho kukho umona nokuzigwagwisa kuba nguqulukubhode nazo zonke iintlobo zeentlondi.
- Umntu ophayo uba nenkqubela;
ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa. - Umntu osisiyatha akanamdla wakuqonda nto –
nto angxamele ukuyenza kukuvakalisa ezakhe iimbono. - Koko masithi sonke ngabanye sikholise abamelwane bethu ezintweni ezilungileyo ezinokulukhulisa ukholo lwabo.
- Owesibini ke ngulo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ Akukho myalelo wumbi ubalulekileyo kunalé mibini.
- Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba ubani kuni uba usisilumko kweli hlabathi, makabe “sisidenge” ukuze abe sisilumko ngenene.
- Intliziyo yam mayinxanele imfundiso yakho
ndaweni yokusukelana nenzuzo yobuqhophololo. - Ngoko ke ayisendim ophilayo, nguKrestu ophilayo kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku ndimanywe noNyana kaThixo, ndibudla ngokholo kulowo wandithandayo, wabuncama obakhe ubomi ngenxa yam.
- Kodwa kum ukuphila akubalulekanga ngaphezu kokuba ndilufeze ubizo lwam, ndiwugqibe umsebenzi endawunikwa yiNkosi wokuvakalisa iindaba ezimnandi zesisa sikaThixo.
- UYesu wasibizela kuye isihlwele kwanabafundi bakhe, wathi kubo: “Othanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele.”
Izihloko ezinxulumeneyo
Ummelwane
Owesibini ke ngulo: ‘Uze...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ukubethelwa emnqamlezweni
Izono zethu wazithathela kuye...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Makube lubabalo noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ngoko ke, nokuba ndihamba kwiingxondorha ezimnyama,andinadyudyu.
Kaloku ungakum, wena Ndikhoyo;
isagweba sakho nebhunguza lakho lixhadi lam.Ivesi elandelayo!