Iivesi zeBhayibhile malunga Isisa
- Umntu ophayo uba nenkqubela;
ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa. - Elowo ke makanikele kangangoko agqibe ngako, engenasikrokro, engaziva enyanzelekile, kuba uThixo uthanda umntu opha ngobubele.
- Nohlala nanele ukuze nikwazi ukusoloko ninezinwe, khon' ukuze uThixo abulelwe ngabantu abaninzi ngenxa yezipho zenu abazifumana kuthi.
- Yiphani; nani ke niya kuphiwa nguThixo. Ewe, nophiwa isabelo esihle, esipheleleyo, esigalelwa engubeni yenu. Indlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo.
- Ukuba ninolangazelelo, uThixo uyawamkela umnikelo wenu. Kaloku uThixo ufuna umntu aphe ngokobungakanani bezinto anazo, ingebubo obezinto angenazo.
- Unethamsanqa umntu onika ngesisa,
lowo ungayiqhubi ngobuqhetseba imicimbi yakhe. - Ke uThixo obonelela umhlwayeli ngembewu nangesonka, uya kunibonelela nani ngembewu eniyisweleyo, ayikhulise inivelisele isivuno esihle ngokobubele benu.
- Bonke abacela kuwe, baphe. Kothatha izinto zakho uzungabuye uzibize.
- Yena ngumhlaziyi wâbo batyhafileyo,
umomelezi wâbo bangenamandla. - Ke ukuba kukho bani uswele ubulumko, makabucele kuThixo. UThixo onobubele nesisa kubo bonke abantu, womnika.
- Nize nikhumbule ukuba ohlwayela kancinane uvuna kancinane, ohlwayela kakhulu avune isivuno esikhulu.
- Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi yena uYihlo osezulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukupha
Elowo ke makanikele kangangoko...
Ukutya
Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo...
Ukwamkela
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Ukuvuna
Ke uThixo obonelela umhlwayeli...
Ukuzingca
Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza...
Uvuyo
Vuyani maxa onke, nithandaze...