Iivesi zeBhayibhile malunga netyala
- Izikrelemnqa ziboleka zingabuyisi,
ke lona ilungisa lipha ngesisa. - Musani ukuba natyala lanto mntwini, lingelilo elokuthandana. Kaloku omthandayo omnye uwuthobele ngokupheleleyo umthetho.
- Ngoko ke bonke banikeni okubafaneleyo – irhafu kofanelwe yirhafu, umrhumo kofanelwe ngumrhumo, ukuhlonitshwa kofanelwe kukuhlonitshwa, imbeko kofanelwe yimbeko.
- Umntu osisityebi uyalilawula ihlwempu;
nalowo ubolekayo likhoboka lalowo ubolekisayo. - Bonke abacela kuwe, baphe. Kothatha izinto zakho uzungabuye uzibize.
- Kaloku nguwuphi na kuni othi, efuna ukwakha inqaba, angàthi kuqala ahlale phantsi, abale indleko, ethelekelela ukuba unazo na izinto zokuyigqiba?
- UNdikhoyo uThixo wenu uya kunithamsanqela ngokwesithembiso sakhe. Niya kuba nako ukubolekisa ezizweni, kodwa nina ngokwenu ningaboleki nto mntwini. Niya kuba namagunya phezu kwezizwe, kodwa nina akukho sizwe siya kuba namagunya phezu kwenu.
- Ubutyebi obufumaneka bumini buphuncuka lula;
obufumaneka ngendlela ecothayo buya busanda ngokwanda. - Usixolele amatyala ethu,
njengokuba nathi sibaxolela abasonayo. - Musa ukwala nento elungileyo konelungelo ngayo,
ngakumbi xa kusemandleni akho ukumnceda. - Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani yinto eninayo. Kaloku uThixo uthi: “Andiyi kukuyekela; ndingayi kukufulathela.”
- Akukho mntu unokukhonza iinkosi ezimbini, kuba uya kuyithiya le, ayithande leya, okanye abambelele kule, ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo kwanobutyebi.
Izihloko ezinxulumeneyo
Imali
Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani...
Ukupha
Elowo ke makanikele kangangoko...
Ukunyaniseka
Bantwana bam, uthando lwethu...
Ukubawa
Umntu oyinyolukeleyo imali soze...
Ukuthanda izinto eziphathekayo
Kaloku zange size nanto...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Wena undazisa iindlela zobomi;kaloku ndizala yimincili xa ndiphambi kwakho.
Ngasekunene kwakho yimihlali yodwa kude kube ngunaphakade.