Iindinyana zeBhayibhile ezili-100 Ezidumileyo
- Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando alunamona, alugwagwisi, lungakhukhumali. Uthando alugezi, alufuni okukokwalo, alunachuku, alunanzondo.
- Vuyani maxa onke, nithandaze njalo-njalo. Nakuyiphi na imeko bulelani. UThixo uthanda ukuba nenjenjalo njengokuba nimanywe noKrestu Yesu nje.
- Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo. Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu.
- Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa uNdikhoyo,
akulondoloze.
Wanga angayindlezane kuwe uNdikhoyo,
usixhamle isisa sakhe.
Wanga angakwazelelela uNdikhoyo,
akwambathise uxolo. - Kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyo
bosuka bahlaziyeke bomelele.
Bosuka bantinge baxel' ukhozi;
noba sebebaleka, soze badinwe;
ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe. - Ngoko ke ndinawe, sukoyika;
ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.
Ndiza kukomeleza ndikusize,
amandla am asindisayo akuxhase akukhusele. - Le miyalelo ndikunika yona namhlanje mayilawule bonke ubomi bakho. Uze uyibethelele ekufundiseni abantwana bakho, uthethe ngayo xa usekhaya, kanti noba useluhambeni, naxa ulalayo, ngokunjalo naxa uvukayo.
- Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo,
lowo ukholosa ngaye!
Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni,
ongcambu zinabela emanzini.
Awoyiki naxa ilanga lishushu;
amagqabi awo ahlala eluhlaza.
Ngexesha lembalela awunaxhala;
uhlala uvelisa iziqhamo. - “Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso zam ngani zokuba ndininike intlala-kahle ingabi bububi, ndinidalele ikamva nethemba.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
- Wonke umsebenzi wenzeni ngothando.
- Ngenxa yoko ndithi kuni, zonke izinto enizicela nithandaza, kholwani ukuba senizinikiwe; nozifumana ke.
- Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,
yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho. - Ndiyambongoza ukuba ngobubele bakhe uSosidima anomeleze imo yenu entsha ngoMoya wakhe, khon' ukuze ngokholo uKrestu ahlale ngaphakathi kuni. Nanga ningasekelwa eluthandweni nendele.
- Ububele bakho mandibuve kwakusasa;
kaloku mna ndikholosa ngawe.
Ndifundise indlela endifaneleyo;
kaloku mna ndizibika kuwe. - Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.
- Kuba siphila ngokukholwa, kungekuko ngezinto esizibonayo.
- Nayiphi na into eniyenzayo yenzeni ngomxhelo ngokungathi niyenzela iNkosi, aniyenzeli bantu. Ze nikhumbule ukuba iNkosi iya kunivuza ngelifa eligcinele abantu bayo. Kaloku uKrestu yeyona Nkosi nikhonza yona.
- NguNdikhoyo ngokwakhe oza kunikhokela, ahambe nani. Soze arhoxe, engasoze anilahle; ngoko ke yomelelani ningoyiki.
- Zinikele eNkosini uYesu; uya kusindiswa wena nosapho lwakho.
- NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;
ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.
Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,
xa uhambayo naxa ubuyayo,
kuqalela ngoku kude kube nini-nini. - Nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.
- Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,
ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.
Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,
waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho. - Ukuba ke uthe wanqula mna Ndikhoyo uThixo wakho, ndiya kukuthamsanqela ngokutya namanzi, ndikutshayele ukufa kungabikho phakathi kwenu.
- Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka.
Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho.
Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho.
Ukuba uyayenza ke loo nto uya kuhlala wamkelekile,
ube negama elihle kuThixo nasebantwini. - Waza wathi kuye uYesu: “Ndim uvuko; ndim ubomi. Lowo ukholwayo kum wodla ubomi nokuba ebefile. Wonke odla ubomi ekholwa kum, soze afe naphakade. Ke wena ngaba uyakholwa koku?”
Isishwankathelo se endinyana ezili - 100 zeBhayibhile ezidumileyo kwiDailyVerses.net.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...