- Ngalinye ke, zintathu izinto eziya kuhlala zihleli: lukholo, nethemba, nothando. Engaphezu kwazo zonke ke luthando.
- Ngoko ke, mawethu athandekayo, yomelelani ningathandabuzi. Yisebenzeleni ngenkuthalo iNkosi ngalo lonke ixesha, kuba kakade ukubulaleka kwenu ngenxa yeNkosi akunakulambatha.
- Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.
- Ukukholwa ke kukuqiniseka ngezinto esinethemba lazo; kukwakukuqiniseka nangobukho bezinto esingaziboniyo.
- Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo.
- Wanga angakunika umnqweno wentliziyo yakho,
aziphumelelise zonk' iinquleqhu zakho. - Ngoko ke sisondela singenaxhala kuThixo, sisazi ukuba uyasiphulaphula xa sicela silungele ukwenza loo nto athanda ukuba siyenze.
- Noba sewucand' emanzini,
mna ndiya kuba nawe;
noba sowuwela imilambo,
ayisoze ibe nako ukukukhukulisa;
nditsho sowucand' emlilweni, soze urhawuke;
amadangatye akanakukutshisa wena. - INkosi le ke nguMoya. Apho ke ukhona uMoya weNkosi kubakho inkululeko.
- Wathi kuye uYesu: “Oo, uthi: ‘Ukuba ndinako;’ – zonke izinto zinokwenzeka kokholwayo.”
- Ndikhoyo, wena unguThixo wam;
ndosuka ndikuthuthe ndikudumise.
Kuthi mandikutyibele ndibongisele
ngenxa yemisebenzi yakho ekhamnqisayo;
kaloku ngokuthembeka okukhulu
wena zonke uzifezekisile –
nditsho izicwangciso zakho zamandulo. - Elowo ke makanikele kangangoko agqibe ngako, engenasikrokro, engaziva enyanzelekile, kuba uThixo uthanda umntu opha ngobubele.
- Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo.
UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye. - Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki.
- Zingisani ukuthandaza, niphaphile, ninombulelo kuThixo.
- Ndakuxineka ndikholosa ngawe.
- Ndinixelele ezi zinto ukuze nibe noxolo, kuba nimanyene nam. Ehlabathini niya kubandezeleka; kodwa musani ukuxhalaba, kuba mna ndiloyisile ihlabathi.
- Nokhalela kum, nize kundithandaza, ndize mna ndiniphulaphule.
- Ngoko ke yigqaleni indlela eniziphatha ngayo. Yibani ngabantu abanengqondo; musani ukuba ziziyatha. Eli thuba ninalo lisebenziseni kakuhle, kuba akho amaxesha amabi.
- Phakathi kobusuku uPawulos noSilas bathandaza bacula bedumisa uThixo, namanye amabanjwa ebeva.
- Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.
- Phaphani, nime zinzi elukholweni! Khaliphani, nomelele!
- Anazi na ukuba abakhohlakeleyo abayi kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo? Musani ukulahlekiswa: abarheletyi, nabakhonza izithixo, nabakrexezayo, nabafebayo, nabangamadoda alalanayo, nabangamasela, nababawayo, nabangamanxila, nabathukayo, nabazizikrelemnqa, abanakubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo.
- Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.
- Ngoko ke, njengoko senenjenjalo kakade, khuthazanani, nakhane omnye nomnye.
Isishwankathelo se endinyana ezili - 100 zeBhayibhile ezidumileyo kwiDailyVerses.net.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kuba iziBhalo zithi:“Ndingophilayo nje, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,
zimdumise uThixo zonke iilwimi.”
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho;ndokugcina ndikomeleze,
ndithi kuwe: ‘Sukuphaphazela, ndiza kukunceda.’Ivesi elandelayo!
