Iivesi zeBhayibhile malunga novelwano
- Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.
- Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga nje,
kuba inceba yakhe ayinasiphelo.
Zihlala zintsha imihla ngemihla;
kukhulu ukuthembeka kwakhe. - Ndiphetha ngelithi: Velanani, nibe moya mnye. Thandanani, nenzelane ububele, nilulamelane.
- Makabongwe uThixo, uyise weNkosi yethu uYesu Krestu, uBawo uSozinceba, uThixo umthombo wentuthuzelo. Yena uyasithuthuzela ezimbandezelweni zethu zonke, ukuze nathi sikwazi ukubathuthuzela abanye kwangaloo ntuthuzelo ivela kuye.
- Ningabantu bakaThixo abanyuliweyo abathandiweyo nina, abakhe ngenkqu. Ngoko ke nxibani ezifanele abakhe: inceba, ububele, ukuthobeka, ubulali, nomonde.
- Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.
- Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Wisani izigwebo ezinyanisekileyo, nenzelane ububele nenceba omnye nomnye. Musani ukubacinezela abahlolokazi neenkedama, ngokunjalo nabangeneleli kunye namahlwempu, ningayili ububi ezintliziyweni zenu omnye komnye.’
- Ukuba umntu omi kakuhle ngezinto zobu bomi ubona uwabo eswele, aze amvimbe into engamncedayo, angatsho njani loo mntu ukuba unalo uthando lukaThixo entliziyweni yakhe?
- Waphendula ke esithi:
“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,
ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?
Noba ke yena angade amlibale,
okokwam ke mna soze ndikufulathele,
kuba igama lakho ndilivambile,
ndilithe tyaba esandleni sam;
iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.” - Bufana nomzali kubantwana
ububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko. - Kambe ke uNdikhoyo usanilindele,
usazungula ukunibabala ngesisa.
Kaloku yena nguThixo ongajika-jikiyo;
hayi ithamsanqa labo bakholosa ngaye! - “Ewe, iintaba zingadilika,
ke zona iinduli zinyamalale,
kodwa izibele zothando lwam soze zinqamke kuwe,
nomnqophiso wam woxolo soze ushukume.”
Utsho ke yena uNdikhoyo okukhathaleleyo. - Kaloku owethu umbingeleli omkhulu ngosivelayo ebuthathakeni bethu, kuba walingwa ngeendlela zonke njengathi, kodwa zange one.
- Ndiza kuyomeleza indlu kaJuda,
ndiyihlangule indlu kaJosefu.
Ewe, ndoba nebuyambo ngakubo;
kaloku mna ndinenceba ngabo.
Boba ngathi zange ndibalahle.
Kaloku mna ndinguNdikhoyo uThixo wabo,
ndaye ke ndobaphendula. - Nangoku wobuya uvelane nathi,
izono zethu uzinyathele ngeenyawo,
uzilahle lee iziphoso zethu,
uzintywilisele enzulwini yolwandle. - Kambe ke wena, Nkosi,
unguThixo onenceba nesisa.
Wena ucaphuka kade,
uphuphuma uthando nokunyaniseka.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ummelwane
Owesibini ke ngulo: ‘Uze...
Umonde
Umntu onomonde uba nengqiqo...
Uxolelo
Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa...
Ukuthobeka
Nihlale nithobekile ngawo onke...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ke uThixo, imbangi yoxolo, uya kumnyhasha kamsinya uSathana phantsi kweenyawo zenu.Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani.
