DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga novelwano

  • Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.
  • Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga nje,
    kuba inceba yakhe ayinasiphelo.
    Zihlala zintsha imihla ngemihla;
    kukhulu ukuthembeka kwakhe.
  • Ndiphetha ngelithi: Velanani, nibe moya mnye. Thandanani, nenzelane ububele, nilulamelane.
  • Makabongwe uThixo, uyise weNkosi yethu uYesu Krestu, uBawo uSozinceba, uThixo umthombo wentuthuzelo. Yena uyasithuthuzela ezimbandezelweni zethu zonke, ukuze nathi sikwazi ukubathuthuzela abanye kwangaloo ntuthuzelo ivela kuye.
  • Ningabantu bakaThixo abanyuliweyo abathandiweyo nina, abakhe ngenkqu. Ngoko ke nxibani ezifanele abakhe: inceba, ububele, ukuthobeka, ubulali, nomonde.
  • Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.
  • Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Wisani izigwebo ezinyanisekileyo, nenzelane ububele nenceba omnye nomnye. Musani ukubacinezela abahlolokazi neenkedama, ngokunjalo nabangeneleli kunye namahlwempu, ningayili ububi ezintliziyweni zenu omnye komnye.’
  • Ukuba umntu omi kakuhle ngezinto zobu bomi ubona uwabo eswele, aze amvimbe into engamncedayo, angatsho njani loo mntu ukuba unalo uthando lukaThixo entliziyweni yakhe?
  • Waphendula ke esithi:
    “Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,
    ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?
    Noba ke yena angade amlibale,
    okokwam ke mna soze ndikufulathele,
    kuba igama lakho ndilivambile,
    ndilithe tyaba esandleni sam;
    iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.”
  • Bufana nomzali kubantwana
    ububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko.
  • Kambe ke uNdikhoyo usanilindele,
    usazungula ukunibabala ngesisa.
    Kaloku yena nguThixo ongajika-jikiyo;
    hayi ithamsanqa labo bakholosa ngaye!
  • Kaloku owethu umbingeleli omkhulu ngosivelayo ebuthathakeni bethu, kuba walingwa ngeendlela zonke njengathi, kodwa zange one.
  • “Ewe, iintaba zingadilika,
    ke zona iinduli zinyamalale,
    kodwa izibele zothando lwam soze zinqamke kuwe,
    nomnqophiso wam woxolo soze ushukume.”
    Utsho ke yena uNdikhoyo okukhathaleleyo.
  • Ndiza kuyomeleza indlu kaJuda,
    ndiyihlangule indlu kaJosefu.
    Ewe, ndoba nebuyambo ngakubo;
    kaloku mna ndinenceba ngabo.
    Boba ngathi zange ndibalahle.
    Kaloku mna ndinguNdikhoyo uThixo wabo,
    ndaye ke ndobaphendula.
  • Nangoku wobuya uvelane nathi,
    izono zethu uzinyathele ngeenyawo,
    uzilahle lee iziphoso zethu,
    uzintywilisele enzulwini yolwandle.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Masisondele ke ngoko singenadyudyu apho ahleli khona esihlalweni sokulawula uThixo wethu onenceba; apho sakwenzelwa khona ububele nesisa, sincedakale ngoku kuselithuba.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;
kaloku akozeli, walusa mna.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela