Iivesi zeBhayibhile malunga nobuthathaka
- Ndanelisekile ke ngoko nokuba ndibuthathaka, nokuba ndiyagxekwa, nokuba nditsala nzima, nditshutshiswa, ndithwala iimbandezelo ngenxa kaKrestu. Kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.
- Kodwa yandiphendula yathi: “Ubabalo lwam lukwanele, kuba amandla am acaca xa ubuthathaka.” Ngoko ke ndikhetha ukuqhayisa ngezinto ezibonakalisa ubuthathaka bam, ukuze ndikuve ukongama kwamandla kaKrestu phezu kwam.
- Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,
wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade. - Yena ngumhlaziyi wâbo batyhafileyo,
umomelezi wâbo bangenamandla. - Ziphoseni kuye zonke iingxaki zenu; kaloku nguye onalusayo.
- Yizani kum, nina nonke nisindwayo, nibulalekayo; ndoniphumza.
- Ngokukwanjalo noMoya uyasixhasa ekusweleni kwethu amandla, kuba kaloku asiyazi eyona ndlela singathandaza ngayo. Kodwa ke kweso singqala sethu sikhohliwe uMoya ngokwakhe uyasithethelela.
- Ndinako ukumelana nayo nayiphi na imeko ngenxa yamandla alowo undomelezayo.
- Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Intliziyo yona okunene inentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.
- Kuba kaloku uMoya esimnikwe nguThixo asingowobuphakuphaku, koko uvuselela isibindi, uthando, nokuzeyisa.
- Kaloku owethu umbingeleli omkhulu ngosivelayo ebuthathakeni bethu, kuba walingwa ngeendlela zonke njengathi, kodwa zange one.
- Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo;
kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni. - Thetha ubamele abantu abangakwaziyo ukuzithethelela;
ncedisana nabo uwakhusele amalungelo eendwayinge. - Khanilungiselele abaxakekileyo neenkedama,
nibonelele iintsizana namahlwempu. - Iziziba ezinzongo-nzongo ziyamemezana
ngokukrotsha kweengxangxasi zakho.
Amaza eze ngendlu yawo,
ngokunjalo kwaneempuphuma.
Ewe, ziwugubungele umphefumlo wam.
Izihloko ezinxulumeneyo
Amandla
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Umzimba
Anazi na ukuba imizimba...
Uvuyo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ukuxhomekeka
Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho...
Izixhobo
Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane...
Uloyiko
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Qondani ngamahlungulu la. Wona akahlwayeli, engavuni nokuvuna; akanasisele, engenavimba; kanti noko uThixo uyawondla! Ke nina nibeke phi na ukuxabiseka kuneentaka!Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Noba ungade ungadubuli umkhiwane,umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
nokuba awungevelisi nto umnquma,
namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
zingade zingabikho iigusha esibayeni,
nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
ewe, khona kungade kube njalo,
kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.Ivesi elandelayo!
