DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nenkedama

  • Ningaze nimphathe kakubi umhlolokazi nenkedama. Ukuba niyenzile loo nto, mna Ndikhoyo ndiya kusiva isikhalo sabo, ndikhathazeke, nina ndiniyekele nife emfazweni, ukuze abafazi benu babe ngabahlolokazi, abantwana bona babe ziinkedama.
  • Ndiyabuya; andiyi kunishiya niziinkedama.
  • Khanifunde ukwenza okusesikweni;
    zonke izinto zenzeni ngokomthetho.
    Khaninyenyise ngakubantu abacinezelekileyo;
    kanti neenkedama zilungiseleleni;
    ngokunjalo nimbonelele nomhlolokazi.
  • Inkolo enyanisekileyo nengenachaphaza kuThixo uBawo yile: kukubonelela iinkedama nabahlolokazi abahluphekileyo, nokuphepha ukudyojwa lihlabathi.
  • Khanilungiselele abaxakekileyo neenkedama,
    nibonelele iintsizana namahlwempu.
  • Culelani uThixo, nibong' igama lakhe.
    Ewe, mbongeni lowo ucand' emafini.
    Igama lakhe nguNdikhoyo, vuyani ngenxa yakhe.
    UThixo usendlwini yakhe engcwele.
    Nguyise weenkedama, umthetheleli wabahlolokazi.
  • UNdikhoyo ngumkhuseli wabahambi nabangeneleli,
    umxhasi wabahlolokazi neenkedama.
    Ke bona abakhohlakeleyo uyabatshabalalisa.
  • Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Wisani izigwebo ezinyanisekileyo, nenzelane ububele nenceba omnye nomnye. Musani ukubacinezela abahlolokazi neenkedama, ngokunjalo nabangeneleli kunye namahlwempu, ningayili ububi ezintliziyweni zenu omnye komnye.’
  • Kaloku ndandisabela ndiwahlangule amahlwempu esakukhala;
    ukanti ndazibonelela neenkedama ezazingenamncedi.
    Ababesindakala ndaza ndabanceda babendincoma,
    ukanti nabahlolokazi ndandibanceda batsho baba neengoma ezintliziyweni zabo.
  • Kodwa ukuba niyayilungisa ngenene ihambo yenu, ngokunjalo nezenzo zenu, naza nenza ubulungisa omnye komnye, ningabacinezeli abangeneleli, okanye iinkedama nabahlolokazi, ningaphalazi igazi elimsulwa apha, ningazenzakalisi ngokunqula izithixo, mna ndonizinzisa kule ndawo ingumhlaba endawabela ooyihlo ukuba bawume ngonaphakade.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo,
lowo ukholosa ngaye!
Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni,
ongcambu zinabela emanzini.
Awoyiki naxa ilanga lishushu;
amagqabi awo ahlala eluhlaza.
Ngexesha lembalela awunaxhala;
uhlala uvelisa iziqhamo.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela