Iivesi zeBhayibhile malunga nokucula
- Kodwa ke mna ndiya kucula ndibonga amandla akho;
ndiya kumemelela kwasekuseni,
kuba uthando lwakho luyamangalisa.
Kaloku wena uyinqaba yam,
ungumqolomba ngomhla wembandezelo. - Kaloku izibele zothando lwakho ziyabugqwesa nobomi,
ngoko ndiya kuhlala ndikudumisa.
Ndiya kukubonga lo gama ndisaphilayo;
ndiya kunyukela kuwe ngomthandazo. - Maluhlale ngokupheleleyo ezintliziyweni zenu udaba lukaKrestu. Fundisanani, niyalane ngobulali. Culani iindumiso, nihlabele amaculo, nivuma iingoma zoMoya, nibulela uThixo ngentliziyo.
- UNdikhoyo uThixo wakho unawe;
uligorha elisindisayo.
Yena unemihlali ngawe, enovuyo;
uya kukuthulisa ngothando lwakhe;
ugcoba ngawe eyiyizela. - Phakathi kobusuku uPawulos noSilas bathandaza bacula bedumisa uThixo, namanye amabanjwa ebeva.
- Culelani uThixo, nibong' igama lakhe.
Ewe, mbongeni lowo ucand' emafini.
Igama lakhe nguNdikhoyo, vuyani ngenxa yakhe.
UThixo usendlwini yakhe engcwele.
Nguyise weenkedama, umthetheleli wabahlolokazi. - Ndomemelela ngemincili,
ndikuvumel' ingoma, ndibonge wena, Phezukonke. - Kodwa ndithembe uthando lwakho olungajikiyo;
ndochulumacha kuba uyandihlangula.
Ndombonga uNdikhoyo, kuba endiphethe ngobubele. - Ndomombelel' uNdikhoyo lo gama ndisaphilayo,
ndimbong' uThixo wam lo gama ndisadl' ubomi. - Ndiya kumemelela ndinemincili,
ndicule ngokuzimisela okukhulu
ngenxa yokuba undihlangule. - Wena uyinqaba endizifihla kuyo;
uyandikhusela xa ndisebunzimeni.
Undirhangqe ngosindiso lwakho;
ngoko ke ndimemelela ndinemincili. - Ndiya kukuncoma phakathi kweentlanga, Ndikhoyo;
ewe, ndokudumisa naphakathi kwezizwe. - Masintyiloze sidumise uNdikhoyo,
kuba wenze imisebenzi emikhulukazi;
olu daba malufikelele ehlabathini jikelele. - Ndadanduluka kuye ndizibika;
ndandipheth' iindumiso nemibongo. - Kaloku ndandisabela ndiwahlangule amahlwempu esakukhala;
ukanti ndazibonelela neenkedama ezazingenamncedi.
Ababesindakala ndaza ndabanceda babendincoma,
ukanti nabahlolokazi ndandibanceda batsho baba neengoma ezintliziyweni zabo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Dumisani
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Uvuyo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa,uyayiva imithandazo yawo.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ndikhoyo, wena unguThixo wam;ndosuka ndikuthuthe ndikudumise.
Kuthi mandikutyibele ndibongisele
ngenxa yemisebenzi yakho ekhamnqisayo;
kaloku ngokuthembeka okukhulu
wena zonke uzifezekisile –
nditsho izicwangciso zakho zamandulo.Ivesi elandelayo!