Iivesi zeBhayibhile malunga Thembela
- Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,
ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.
Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,
waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho. - Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo,
lowo ukholosa ngaye!
Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni,
ongcambu zinabela emanzini.
Awoyiki naxa ilanga lishushu;
amagqabi awo ahlala eluhlaza.
Ngexesha lembalela awunaxhala;
uhlala uvelisa iziqhamo. - Ndakuxineka ndikholosa ngawe.
- Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,
yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho. - Noba sewucand' emanzini,
mna ndiya kuba nawe;
noba sowuwela imilambo,
ayisoze ibe nako ukukukhukulisa;
nditsho sowucand' emlilweni, soze urhawuke;
amadangatye akanakukutshisa wena. - Ububele bakho mandibuve kwakusasa;
kaloku mna ndikholosa ngawe.
Ndifundise indlela endifaneleyo;
kaloku mna ndizibika kuwe. - Ngoko ke sisondela singenaxhala kuThixo, sisazi ukuba uyasiphulaphula xa sicela silungele ukwenza loo nto athanda ukuba siyenze.
- Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke,
uhlala esemthunzini kaSomandla.
Yena uya kuthi: “Ndikhoyo, ungumkhuseli wam;
uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.” - Kuba siphila ngokukholwa, kungekuko ngezinto esizibonayo.
- Ndisindiswa nguThixo, uliwonga lam.
UThixo yinqaba yam, ndizimela ngaye. - Kodwa ke loo mntu makacele ekholwa, engathandabuzi konke. Kaloku umntu othandabuzayo ufana namaza alatyuziswa ngumoya elwandle.
- Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;
kaloku akozeli, walusa mna. - UNdikhoyo ukufuphi kwabo babhenela kuye,
kwabo bamfuna benyanisekile. - Khaniqwalasele iintaka. Azihlwayeli, azivuni, azigcini siseleni, kanti uYihlo osezulwini uyazondla. Ke, kungakanani na ukuxabiseka kwenu kunazo!
- Masitsho singenadyudyu ke sithi:
“YiNkosi umncedi wam, andiyi koyika nto!
Angandenza ntoni umntu?” - Ukuxhalela abantu kusenokuba ngumgibe;
kambe ke othembela kuNdikhoyo ukhuselekile. - Yaye uThixo wam wonibonelela kuzo zonke iintswelo zenu ngendyikityha yendyebo yakhe ekuKrestu Yesu.
- Umntu oyinonophelayo imfundiso uyaphumelela;
ewe, yimihlali yodwa kokholosa ngoNdikhoyo. - Ndikholosa ngawe usemazulwini;
ungowam nje ke, andilinanze nganto ihlabathi. - Zilahlele kuNdikhoyo, ukholose ngaye;
yena ke wokwenzelelela.
Wobutyhila bukhanye njengelanga ubulungisa bakho,
kucace mhlophe ukulunga kwakho. - Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani yinto eninayo. Kaloku uThixo uthi: “Andiyi kukuyekela; ndingayi kukufulathela.”
- Thembela kuNdikhoyo wena, wenze okulungileyo;
uya kuba sisima-mhlaba, ube nekamva. - Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo.
UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye. - Thembela kuNdikhoyo; yomelela, ube nesibindi!
Ewe, thembela kuNdikhoyo wena! - Hayi ubuhle bezinto ozigcinele abo bakuhlonelayo, Ndikhoyo;
zintle kambe izinto ozenzela abo bakholose ngawe!
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Uloyiko
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Ukhuseleko
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Hay' inyhweba yabantu abamsulwa;nditsho abo baziphatha ngokwemiyalelo kaNdikhoyo.
Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Nina makhosikazi, bathobeleni ngokuzinikela abayeni benu, kuba yimfanelo yenu yobuKrestu leyo.Nina madoda, bathandeni abafazi benu, ningabi ngqwabalala.Ivesi elandelayo!