Iivesi zeBhayibhile malunga nezixhobo
- Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle. Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.
- Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana.
- Sonke isibhalo sinefuthe loMoya kaThixo. Siyanceda ekufundiseni inyaniso nokuchitha imposiso. Siyanceda ukulungisa isimilo, sinike ingqeqesho; ukuze lowo uzinikele kuThixo abe namandla okuwuphumeza nawuphi na umsebenzi omhle.
- Ngoko ke ndinawe, sukoyika;
ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.
Ndiza kukomeleza ndikusize,
amandla am asindisayo akuxhase akukhusele. - Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,
ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.
Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,
waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho. - Ndihlala ndimbeke phambi kwam uNdikhoyo;
ungasekunene kwam, ngoko ke andiyi kushukunyiswa nto. - Yena ngumhlaziyi wâbo batyhafileyo,
umomelezi wâbo bangenamandla. - Noda niguge nibe ziingwevu
mna ndisengulowo unixhasayo.
Nenziwa ndim, ngoko ke ndonisingatha;
ewe, ndonigcina ndinihlangule. - Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu?
Ngokuthobela ilizwi lakho. - Amandla am nguMhlekazi uNdikhoyo;
uzenza iinyawo zam zibe njengezenxala;
ngaye ndihamba kweziphezulu iindawo. - Kuba kaloku ubume bobomi bukaThixo bukho ngokupheleleyo kuKrestu ongumntu; yaye ke nimanywe naye nje, niphiwe ubomi obupheleleyo. Kaloku yena yintloko: liphantsi kwakhe lonke igunya namandla.
- Ngokukwanjalo noMoya uyasixhasa ekusweleni kwethu amandla, kuba kaloku asiyazi eyona ndlela singathandaza ngayo. Kodwa ke kweso singqala sethu sikhohliwe uMoya ngokwakhe uyasithethelela.
- Kodwa ke umncedi wam nguThixo,
umxhasi wam nguMhlekazi. - Yini na wena ukuba usigwebe isicaka somnye? Kaloku siya kugwetywa yinkosi yaso. Kanti notyayo akayi konakalelwa nto, kuba iNkosi inako ukumgcina.
- Ngosuku lokugqibela, olo ke lulolona lubalulekileyo lwetheko, wema uYesu, wathetha ngelivakalayo esithi: “Onxaniweyo makeze kum asele.”
Izihloko ezinxulumeneyo
Amandla
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Ukuxhomekeka
Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
Icawa
Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane...
ILizwi likaThixo
Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Neengonyama ziyaswela zilambe,kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ngoko ke ndinawe, sukoyika;ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.
Ndiza kukomeleza ndikusize,
amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.Ivesi elandelayo!