Iivesi zeBhayibhile malunga nokuxhomekeka
- Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho;
ndokugcina ndikomeleze,
ndithi kuwe: ‘Sukuphaphazela, ndiza kukunceda.’ - Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,
ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.
Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,
waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho. - Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,
kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe. - Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,
wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade. - Amehlo am ndiwajongis' enkalweni;
yaz'ba lovela ngaphi na uncedo lwam?
Umncedi wam nguNdikhoyo,
yena ungumenzi wamazulu nehlabathi. - Umntu uyaceba acwangcise entliziyweni yakhe,
kodwa ke licebo likaNdikhoyo eliphumelelayo. - Ndim umdiliya; nina ningamasebe. Ohlala emanyene nam, ndibe mna ndihleli ndimanyene naye, uya kuvelisa iziqhamo ezininzi. Kaloku aninakwenza nento le nahlukene nam.
- Yena ngumhlaziyi wâbo batyhafileyo,
umomelezi wâbo bangenamandla. - Xa nditshoyo ke andikhalazeli kuswela. Kaloku mna ndafunda ukwanela nakuyiphi na imeko endikuyo.
- Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;
kaloku akozeli, walusa mna. - Ngenxa yoko musani ukulixhalela ingomso. Ingomso liya kuxhalela okwalo. Ziyanele imini nganye iingxaki zayo.
- InguNdikhoyo nje ondalusayo,
ndingaswela ntoni na?
Nguye ondikhaphelela kumadlelo aluhlaza,
andikhokelele kwimilambo empompozayo. - Ndihlala ndimbeke phambi kwam uNdikhoyo;
ungasekunene kwam, ngoko ke andiyi kushukunyiswa nto. - Yibani moya mnye. Musani ukusukela amawonga; yaneliswani kukuzithoba. Musani ukuzicingela ukuba niziingqondi.
- Zolani nina; uNdikhoyo uza kunilwela!
- Ukuba uNdikhoyo akayakhi indlu,
bafumana bebulaleka abayakhayo.
Ukuba asaluswa nguNdikhoyo isixeko,
ancam' ubuthongo ngelize amajoni alindayo. - Yintsikelelo kaNdikhoyo enika umntu ubutyebi;
kambe ke yona ayihambi nazintsizi. - Xa ndandisendisithi ndiyoyisakala,
wandixhasa ngezibele zakho wena, Ndikhoyo. - Xa ndandisebunzimeni ndabhenela kuNdikhoyo,
waza yena wasabela wandihlangula. - Ngamathuba obumnandi yonwaba;
ngemihla yobubi qonda kakuhle ukuba kwale njengaleya yenziwe nguThixo.
Ngoko ke akukho mntu uyaziyo into eza kwenzeka kamva. - Kodwa kodwa kuxa ndingubani mna, beyintoni bona aba bantu bam, ukuba singade sibe nako ukukwenzela izinwe ngolu hlobo? Kaloku yonke into iphuma kuwe, ngoko ke nangoku sikunika kwaoko kuphuma esandleni sakho.
- Ábenjenjalo ke àbanako ukumkholisa uThixo konke-konke.
- Ndikhusele kaloku, Thixo;
ndithembele ngawe. - Hayi, eli lizwe abalizuzanga ngenxa yezikhali,
bengaphumelelanga ngenxa yezigalo zabo;
koko kwakungenxa yegunya nezigalo zakho
nefuthe lobukho bakho, njengoko babethandeka kuwe. - Awu, Thixo Somandla, yiba nebuyambo;
velana nathi usisindise!
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
Izixhobo
Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Amandla
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Makube lubabalo noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Khawuvuke! Vuka, Jerusalem!Khanya! Ukhanyiso lwakho luthwasile;
isihomo sikaNdikhoyo sikujikelezile.Ivesi elandelayo!