- Kaloku, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye ngokumanywa noKrestu. Sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye.
- Yibongeni iNkosi!
Mihla le iyasazelelela, uThixo ngumsindisi wethu. - Kodwa ke umncedi wam nguThixo,
umxhasi wam nguMhlekazi. - Ndikhoyo, ndizifihla kuwe, mandingadani konke!
Wena lungisa, uzundihlangule! - Kambe ke, wena Ndikhoyo, ulikhaka lam.
Usisidima sam; undenza ndibe neqhayiya. - Into yonke uyimisele ixesha layo. Umntu yena umnike ulangazelelo lokuqonda nangamaxesha angamiselwanga. Kodwa ke umntu akafikeleli ekuyazini into eyenziwa nguThixo ukususela ekuqaleni kuye esiphelweni.
- Busesandleni sikaNdikhoyo ubutyebi nobuhlwempu,
ngokunjalo ukuphakanyiswa nokuthotywa. - Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;
ndikhala kuwe ndibindekile.
Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,
usiphulaphule isikhungo sam. - Ukuhlangulwa kuvela kuwe, Ndikhoyo;
khawubathamsanqele ke abantu bakho! - Kwesi sithuba ke uYobi waphakama, wakrazula umnweba wakhe, wayigugula intloko yakhe, waza ke wee guqaqa wanqula, wathi:
“Ndazalwa nguma ndizé, ndaye ke ndiya kunduluka ndikwazé.
NguNdikhoyo onikayo, ikwanguye nothathayo.
Malidunyiswe igama likaNdikhoyo!” - Sibonelele kwiintswelo zethu zemihla ngemihla.
- Khon' ukuze ndinihambele ngovuyo ngemvume kaThixo, sichwayitisane.
- UThixo wethu usemazulwini;
yena wenza loo nto ayithandayo. - Waza ke uPetros wagcinwa entolongweni apho, kodwa amaKrestu wona azingisa ukumthandazela kuThixo, lo gama avalelweyo.
- Ndanondla natsho nahlutha,
nathi ningahlutha nakhukhumala;
ewe, nasuka nandilibala. - Usisibane sokundikhanyisela, wena Ndikhoyo;
undigxothela ubumnyama, wena Thixo. - Abo besimo esonakeleyo banyamekela izinto zeso simo; ibe ke abo boMoya banyamekela izinto zoMoya.
- Ndizolulela kuwe izandla zam;
ndikunxanele njengomhlaba owomileyo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
Izixhobo
Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Amandla
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...