Iivesi zeBhayibhile malunga noThixo
- UNdikhoyo uThixo wakho unawe;
uligorha elisindisayo.
Yena unemihlali ngawe, enovuyo;
uya kukuthulisa ngothando lwakhe;
ugcoba ngawe eyiyizela. - Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.
- Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho;
ndokugcina ndikomeleze,
ndithi kuwe: ‘Sukuphaphazela, ndiza kukunceda.’ - Niya kuthi ke nakumfuna uNdikhoyo uThixo wenu nikuloo meko nimfumane; ewe, ukuba nimfuna nimlangazelela ngomxhelo wenu wonke niya kumfumana.
- Ndikholosa ngawe usemazulwini;
ungowam nje ke, andilinanze nganto ihlabathi. - Ndakuxineka ndikholosa ngawe.
- Ndikhoyo, wena unguThixo wam;
ndosuka ndikuthuthe ndikudumise.
Kuthi mandikutyibele ndibongisele
ngenxa yemisebenzi yakho ekhamnqisayo;
kaloku ngokuthembeka okukhulu
wena zonke uzifezekisile –
nditsho izicwangciso zakho zamandulo. - Ewe, nguwe inqaba yam nekhusi lam;
ndikhokele, undithundeze, lidunyiswe igama lakho. - Ndinako ukumelana nayo nayiphi na imeko ngenxa yamandla alowo undomelezayo.
- Yiyo ke loo nto ndithi umkhulu, wena Ndikhoyo Nkosi yam. Akukho onjengawe, kungekho naThixo ngaphandle kwakho, njengoko sazivelayo ngezi zethu iindlebe.
- Indlu nganye inomakhi wayo, kodwa ke nguThixo umseki wazo zonke izinto.
- Sinalo ke uthando kuba thina sathandwa nguThixo kuqala.
- Khanibuxhamle ububele bukaNdikhoyo;
ngenene unoyolo umntu othembela ngoNdikhoyo! - Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo.
UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye. - Khawuvuke! Vuka, Jerusalem!
Khanya! Ukhanyiso lwakho luthwasile;
isihomo sikaNdikhoyo sikujikelezile. - Ningazikhohlisi! UThixo akanakwenziwa isidenge ngumntu. Umntu uya kuvuna kanye loo nto ayihlwayeleyo.
- Ozuze mna ke ubufumene ubomi;
uxhamla ukwaneliseka kukaNdikhoyo. - Ingca iyatshaza, yona ke intyatyambo ibune,
ke lona ilizwi loThixo wethu lohlala lihleli. - “Kaloku ingcinga zam azifani nezenu,
neendlela zenu azifani nezam,”
utsho yena uNdikhoyo! - Nangona uThixo engazanga wabonwa mntu nje, uhlala emanyene nathi ukuba siyathandana, luthi nothando lwakhe luyondelelane kuthi.
- Hayi, akakh' onjengawe;
hayi bo, wahlukile wena, Ndikhoyo!
Akukh' ongxondorha injengoThixo wethu! - Ewe, ndiyazibika, Ndikhoyo; nguwe iNkosi yam;
ngaphandle kwakho, Mhlekazi, andinabani. - Umntu othi uyamthanda uThixo kodwa abe emthiyile uwabo, ulixoki. Kaloku ukuba akamthandi uwabo lo ambonayo, akanako ukumthanda uThixo angamboniyo.
- Ukuba niyazithoba kuye uThixo, uya kuniphakamisa.
- Khangela, mna ndinguNdikhoyo, uThixo woluntu luphela. Akukho nanye into enokundinqabela.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Amandla
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Izulu
Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa...
Indalo
Ekuqaleni uThixo wadala izulu...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Makungabikho mntu uthi ulukuhlwe nguThixo xa ahendwayo. UThixo akoyiswa bububi kaloku; yaye akalingi mntu yena.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ndithe cwaka ndikholose ngoThixo;kaloku nguye yedwa ondikhululayo.Ivesi elandelayo!