- Ekuqaleni, kungekadalwa, wayeselekho uLizwi. ULizwi lo wayekunye noThixo, naye ngokwakhe enguThixo.
- Ngoko ke, nimanywe neNkosi nje, yonwabani! Ewe, ndiyaphinda ndithi vuyani!
- Ndisindiswa nguThixo, uliwonga lam.
UThixo yinqaba yam, ndizimela ngaye. - Mhlonele uyihlo ndawonye nonyoko, khon' ukuze ube nokuzinza kwelo lizwe ndikunika lona mna Ndikhoyo Thixo wakho.
- “Ndim isiqalo nesiphelo,” itsho iNkosi uThixo, uSomandla, uNdikhoyo, owayekho, lowo uya kusoloko ekho.
- Njengoko ungayazi indlela yomoya,
ungamazi nokuba wenziwa njani na umntu esizalweni sonina,
kananjalo soze ukuqonde nokusebenza kukaThixo onguMdali weento zonke. - Kuye uKumkani ongunaphakade, yena ongagugiyo, ongabonwayo, uThixo yedwa – kuye makubekho isidima nobungangamela kude kube ngunaphakade kanaphakade! Amen.
- Khumbulani kaloku ukuba uNdikhoyo uThixo wenu lo nguThixo ekukuphela kwakhe, kungekho wumbi ngaphaya; futhi ke uthembekile. Uyawugcina umnqophiso wakhe, futhi izibele zakhe ziphuphumela kwâbo bamthandayo beyigcina imiyalelo yakhe kuse kumawaka ezizukulwana.
- Uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela.
- Uncedo lwethu luvela kuNdikhoyo
ongumdali wamazulu nehlabathi. - Kaloku wonke umntwana kaThixo uyaloyisa eli hlabathi. Ke kaloku ihlabathi siloyisa ngokukholosa ngoThixo.
- Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;
mfuneni aph' akhoyo ngawo onke amaxesha. - Kuvumeni nikwamkele ukuba uNdikhoyo unguThixo wamazulu nehlabathi. Akukho Thixo wumbi ngaphandle kwakhe.
- UNdikhoyo uyalifezekisa icebo lakhe ngam.
Kambe ke, Ndikhoyo, izibele zakho zisisimakade;
ungabi sawushiya umsebenzi wezandla zakho. - Kuba: “Lowo uzibika ebiza igama leNkosi wosindiswa.”
- Ndinqwenela into enye kuphela kuNdikhoyo,
ndaye ndifuna yona kanye:
le yokuba ze ndihlale kwaNdikhoyo yonke imihla yobomi bam,
ndiqwalasele ubuhle bakhe, ndimfune endlwini yakhe. - Kodwa yena ongenalo uthando akamazi uThixo, kuba uThixo uluthando.
- Kaloku mnye uThixo, ukwamnye nalowo ungumxolelanisi kaThixo nomntu. NguKrestu Yesu ongumntu ncakasana.
- Obo bulumko ke buvela kuNdikhoyo uSomandla-onke;
kaloku yena yintshatsheli ngamacebo,
ngenene yena ubalasele ngobulumko. - Siyazi ke ukuba kuyo yonke imeko uThixo ubenzela okulungileyo abo bamthandayo, ababizwe ngokwenjongo yakhe.
- Ukuba uNdikhoyo akayakhi indlu,
bafumana bebulaleka abayakhayo.
Ukuba asaluswa nguNdikhoyo isixeko,
ancam' ubuthongo ngelize amajoni alindayo. - Ke uNdikhoyo uya kuba ngukumkani wehlabathi jikelele. Ewe, ngaloo mini iya kuba nguNdikhoyo yedwa, igama lakhe libe kuphela kwagama elitshatsheleyo.
- UNdikhoyo ngumqolomba:
bazimela kuye abalungisayo, basinde. - NguNdikhoyo yedwa uThixo;
nguye kuphela osikhuselayo. - Nalu ke udaba endaluva ngoNyana kaThixo, nendinixelela lona: UThixo ukukukhanya; abukho konke kuye ubumnyama.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Amandla
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Izulu
Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
