- Yaz'ba ngubani na umphembi wale ntlekele?
Ngubani owasimiselayo esi sishiqi?
Mna Ndikhoyo, yaba ndim kwasekuqaleni;
ewe, yoba isendim nasekugqibeleni. - Ewe, nanizimisele ukundenzakalisa, kodwa uThixo yena walijika elo yelenqe labubuhle, khon' ukuze kusinde abantu abaninzi abaphilayo ngoku ngenxa yeso senzo senu.
- Ke uNdikhoyo uya kuba ngukumkani wehlabathi jikelele. Ewe, ngaloo mini iya kuba nguNdikhoyo yedwa, igama lakhe libe kuphela kwagama elitshatsheleyo.
- Uthetha ngelizwi athi:
“Phezani, ndim uThixo.
Ndizivelele izizwe;
nehlabathi ndilikrobele.” - Neengonyama ziyaswela zilambe,
kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo. - Ngenene uThixo uyasithamsanqela;
ngamana lamthobela ihlabathi jikelele. - Bathi bebonke bavume bengafihlisi
ukuba uYesu Krestu yiNkosi,
bebonakalisa ubungangamsha bukaThixo onguBawo. - Nabu ke obona bomi: kukwazana nawe, wena Thixo unguye, ingabi wumbi; bazane naye lowo uthunywe nguwe, uYesu Krestu.
- Nalu ke udaba endaluva ngoNyana kaThixo, nendinixelela lona: UThixo ukukukhanya; abukho konke kuye ubumnyama.
- Elokuphetha ndithi njengokuba nimanywe neNkosi nje, yomelelani nincedwa ngamandla ayo.
- Siyazi ukuba sihlala simanyene naye, naye uhlala emanyene nathi, kuba usinike isabelo soMoya wakhe.
- UNdikhoyo uyabanakekela abo bamhlonelayo
nabo bathembe izibele zenceba yakhe. - Hayi ke bethu ubukhulu bobuhandiba bukaThixo, nobunzulu bobulumko nokwazi kwakhe! Asikuko nokuba aziphengululeki izigqibo zakhe, azilandeki iindlela zakhe!
- Ewe, yithobeleni imiyalelo yam; kaloku ndinguNdikhoyo.
- Waphendula uYesu, wathi kubo: “Umsebenzi uThixo afuna niwenze ngulo wokuba nizinikele nikholwe kulowo uThixo amthumileyo.”
- Njengenxala elikhothekileyo kukunxanwa
nam ndikwanjalo ukukulangazelela wena, Thixo. - UMoya ngokwakhe ungqinelana nathi ukuthi singabantwana bakaThixo.
- Wonke umntu oyithobelayo imiyalelo kaThixo umanyene noThixo, noThixo uhlala kuye. Into ecacisa ukuba uThixo uhlala kuthi nguMoya lo asinike yena.
- Wena, Ndikhoyo, uhleli ngonaphakade;
ulawulo lwakho luhlala luhleli izizukulwana ngezizukulwana. - UThixo yena akamntu;
akaxoki, akaguqu-guquki okomntu.
Akakufezekisi na akuthembisileyo?
Akakuphumelelisi na akuthethileyo? - Kanti ke, kwezi zinto zonke sisuka soyise sitshatshele ngalowo wasithandayo.
- UThixo wazityhila kuthi ke ezi ndaba ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, nobunzulu bobume bukaThixo.
- Zihlobo zam ezithandekayo, xa ke uThixo asithande ngolu hlobo nathi simelwe kukuthandana.
- “Ikhona na indawo efihlakeleyo apho umntu angazimela khona ukuze ndingamboni?”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
“Asindim na lowo ukho ngokupheleleyo ezulwini nasemhlabeni?”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. - Wamdala ke uThixo umntu. Wamenza wangumfuziselo wakhe. Wadala umntu oyindoda kwakunye nomntu obhinqileyo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Amandla
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Izulu
Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana;kaloku thina silizwe ngonyana.
Nguye ke oya kulawula.
Ke yena wothiywa igama kuthiwe
nguMcebisi omangalisayo,
uThixo oligorha,
uSonini-nanini,
iTshawe loxolo.
