- Ukanti ke ndinguNdikhoyo uThixo wakho.
Mna ndakukhuphulula eJiputa.
AwunaThixo ngaphandle kwam,
kungekho namsindisi ingendim. - Sinoyolo isizwe esiThixo unguNdikhoyo,
eso asinyule sangabantu bakhe. - Ndiya kuba ndibonisa ubungangamsha bam; ndibe ke ndiyazazisa kwintlaninge yezizwe. Baya kuqonda ukuba mna ndinguNdikhoyo.
- Hoyina, Sirayeli! UNdikhoyo nguThixo wethu, uNdikhoyo yedwa qwaba! Ngoko ke mthande uNdikhoyo uThixo wakho ngomxhelo wakho wonke, nangomoya wakho wonke, ngokunjalo nangamandla akho onke.
- Masithini na ke ngezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi ngubani onokusichasa?
- Uthembekile uThixo, yena wanibizayo ukuba nibe nobudlelane noNyana wakhe uYesu Krestu iNkosi yethu.
- Ze nikhumbule le ndawo ke, zihlobo zam: umhla omnye kuThixo uyafana newaka leminyaka, newaka leminyaka lifana nomhla omnye.
- LelikaNdikhoyo ihlabathi liphela, nako konk' okukulo;
ndixel' ilizwe elimiweyo kunye nabemi balo. - Wonke umntu makathobele abasemagunyeni, kuba akukho gunya lingaveli kuThixo. Amagunya akhoyo amiselwe nguThixo.
- Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu, nothando lukaThixo, nobudlelane boMoya oyiNgcwele, maluhlale nani nonke.
- Waza ke uThixo wathi: “Masenze umntu abe ngumfuziselo wethu, afane nathi. Makabe negunya, alawule iintlanzi elwandle, iintaka ezibhabha esibhakabhakeni, iinkomo, nazo zonke izilo nezinambuzane elizweni.”
- Ndomemelela ngemincili,
ndikuvumel' ingoma, ndibonge wena, Phezukonke. - NguNdikhoyo yedwa uThixo;
nguye kuphela osikhuselayo. - Bantundini abangathembekanga, anazi kakade ukuba ngokuhlobana neli hlabathi nizenza iintshaba zikaThixo? Ewe, nabani na okhetha ukuvana neli hlabathi ulutshaba lukaThixo.
- UThixo wethu usemazulwini;
yena wenza loo nto ayithandayo. - Amandla akhe amtsho angafikeleleki;
usulungekile, ebalasele ngobulungisa;
akukho bani amcinezelayo. - Nguye umtyhili weentsonkotha ezifihlakeleyo;
nezisemnyameni izinto yena uyazazi.
Ngenene yena ulikhaya lokukhanya. - Ulobhotwe lakhe lakhiw' ezulwini,
amis' uphahla lwesibhakabhaka phezu komhlaba;
ulobiz' amanz' olwandle awagalele phezu komhlaba –
nguNdikhoyo igama lakhe. - Linjengemini enye iwaka leminyaka kuwe,
lona liyafana nemini yezolo,
lifutshane okwexesha labalindi ebusuku. - Ndive ilizwi elikhulu, livela ngasesihlalweni sokulawula, lisithi: “Uyasibona esi sixeko? Kulapho uThixo ahlala khona nabantu. Uya kuhlala phakathi kwabo, babe yimilowo yakhe, yena abe nguThixo wabo. UThixo ngenkqu uya kuhlala nabo. Uya kubosula zonke iinyembezi. Akusayi kubuye kubekho kufa, nalusizi, nasikhalo, nazintlungu. Kaloku lidlule ilizwe lokuqala.”
- Ndiza kwenza bubonwe ubungcwele begama lam elilodwa eniligqwalisileyo ezizweni. Izizwe ke ziya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo, itsho iNgangalala uNdikhoyo, xa zindibona ndingoyedwa ngento endinenzela yona.
- Kwavakala izwi, livela ezulwini, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; ndikholisiwe nguye.”
- Eli lilizwi likaNdikhoyo kuZerubhabheli: ‘Akungabukroti, kungengawo namandla, kodwa kungoMoya wam kuphela,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.
- Ewe, unalo ukholo ngokwaneleyo, ngangokude ukholwe ukuba ukho uThixo, yaye mnye. Uyalungisa kanye ngaloo nto! Kodwa ke neendimoni zinalo ukholo olukwanjalo phofu; lude luzinkwantyise kunjalonje.
- Nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo, kungaphezulu lee kunayo yonke imibingelelo namadini atshiswayo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Amandla
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Izulu
Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ndomemelela ngemincili,ndikuvumel' ingoma, ndibonge wena, Phezukonke.